| ← Psalms (148/150) → |
| 1. | Haleluya! Dumisani uYehova emazulwini; Mdumiseni ezindaweni eziphezulu. |
| 2. | Mdumiseni, nonke zithunywa zakhe; Mdumiseni, nonke mikhosi yakhe; |
| 3. | Mdumiseni, wena langa, nawe nyanga; Mdumiseni, nonke zinkwenkwezi zinokukhanya; |
| 4. | Mdumiseni, mazulu awo amazulu, Nani, manzi angaphezu kwezulu. |
| 5. | Mazilidumise ezo nto igama likaYehova; Ngokuba wawisa umthetho, zadalwa. |
| 6. | Wazimisa ngonaphakade kanaphakade, Wazimisela ummiselo ezingayi kuwugqitha. |
| 7. | Dumisani uYehova ehlabathini, Nina bominenga, nani nonke, manzi enzonzobila: |
| 8. | Wena mlilo, nawe sichotho; wena khephu, nawe msi; Moya uvuthuzayo, ulenzayo ilizwi lakhe; |
| 9. | Nina zintaba, nani zinduli nonke, Nina mithi eneziqhamo, nani misedare nonke; |
| 10. | Nina marhamncwa, nani zinkomo nonke, Nina zinambuzane, nani zintaka zinamaphiko; |
| 11. | Ookumkani behlabathi, nezizwe zonke, Abathetheli nabagwebi behlabathi lonke; |
| 12. | Umlisela kwanomthinjana, Amadoda amakhulu kunye nabafana: |
| 13. | Mabalidumise igama likaYehova, Ngokuba liyingxonde igama lakhe yena yedwa; Indili yakhe ingaphezu komhlaba nezulu. |
| 14. | Wabaphakamisela abantu bakhe uphondo, Lwayindumiso kwabakhe benceba bonke, Koonyana bakaSirayeli, abantu abasondeleyo kuye. Haleluya! |
| ← Psalms (148/150) → |