Psalms (147/150)  

1. Haleluya! Ngokuba kulungile ukuvuma ngoThixo wethu; Ngokuba kumnandi, ifanelekile indumiso.
2. Umakhi weYerusalem nguYehova; Abagxothwa bakwaSirayeli ubabuthela khona.
3. Ulophilisa abaphuke intliziyo, Abophe amanxeba abo;
4. Ulobala inani leenkwenkwezi, Ezibiza zonke ngamagama.
5. Inkulu iNkosi yethu, inamandla amakhulu; Ingqondo yayo ayiphele ndawo.
6. Ulophakamisa abalulamileyo nguYehova, Uthobela abangendawo emhlabeni.
7. Hlabelani kuYehova eyokubulela, Mbetheleni uhadi uThixo wethu.
8. Ulosibekelisa izulu ngamafu, Ulolungisela umhlaba imvula; Ulontshulisa utyani ezintabeni;
9. Ulonika inkomo ukudla, Namathole ehlungulu alilayo.
10. Akabunanze nganto ubugorha behashe, Akakholiswa zizitho zendoda;
11. UYehova ukholiswa ngabamoyikayo, Abalinde inceba yakhe.
12. Mncome uYehova, Yerusalem. Mdumise uThixo wakho, Ziyon:
13. Ngokuba eyomelezile imivalo yamasango akho, Ebasikelele abantwana bakho phakathi kwakho.
14. Ngulomisa uxolo emideni yakho, Wakuhluthisa ngengqolowa etyebileyo.
15. Ulothumela intetho yakhe ehlabathini, Ilizwi lakhe ligidima ngokukhawuleza;
16. Ulonika ikhephu njengoboya bezimvu, Ugcwayela iqabaka njengothuthu,
17. Ephosa umkhenkce wakhe njengamaqhekeza; Ngubani na onokuma phambi kwengqele yakhe?
18. Uthumela ilizwi lakhe, ezo nto azinyibilikise; Uvuthuzisa umoya wakhe, aqukuqele amanzi.
19. Uloxelela uYakobi ilizwi lakhe, USirayeli imimiselo yakhe namasiko akhe.
20. Akenjanga ngalo kolunye uhlanga, Namasiko aluwazi. Haleluya!

  Psalms (147/150)