← Psalms (146/150) → |
1. | Haleluya! Mdumise uYehova, mphefumlo wam. |
2. | Ndiya kumdumisa uYehova lo gama ndidla ubomi; Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingosekhoyo. |
3. | Musani ukukholosa ngamanene, Ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso. |
4. | Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; Ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe. |
5. | Hayi, uyolo lwalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi, Lwalowo ulinde kuYehova uThixo wakhe: |
6. | KuMenzi wezulu nomhlaba, Nolwandle neento zonke ezikulo; Kulogcina inyaniso ngonaphakade; |
7. | Kogweba ityala labacudiswayo; Kopha abalambileyo ukudla; KuYehova okhulula ababanjwa; |
8. | KuYehova ovula amehlo eemfama; KuYehova ophakamisa abagobileyo; KuYehova othanda amalungisa; |
9. | KuYehova ogcina abaphambukeli; Kulophakamisa inkedama nomhlolokazi, Ayiphethule indlela yabangendawo. |
10. | UYehova ungukumkani ngonaphakade, UThixo wakho, Ziyon, kwizizukulwana ngezizukulwana. Haleluya! |
← Psalms (146/150) → |