Psalms (146/150)  

1. Haleluya! Mdumise uYehova, mphefumlo wam.
2. Ndiya kumdumisa uYehova lo gama ndidla ubomi; Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingosekhoyo.
3. Musani ukukholosa ngamanene, Ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso.
4. Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; Ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.
5. Hayi, uyolo lwalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi, Lwalowo ulinde kuYehova uThixo wakhe:
6. KuMenzi wezulu nomhlaba, Nolwandle neento zonke ezikulo; Kulogcina inyaniso ngonaphakade;
7. Kogweba ityala labacudiswayo; Kopha abalambileyo ukudla; KuYehova okhulula ababanjwa;
8. KuYehova ovula amehlo eemfama; KuYehova ophakamisa abagobileyo; KuYehova othanda amalungisa;
9. KuYehova ogcina abaphambukeli; Kulophakamisa inkedama nomhlolokazi, Ayiphethule indlela yabangendawo.
10. UYehova ungukumkani ngonaphakade, UThixo wakho, Ziyon, kwizizukulwana ngezizukulwana. Haleluya!

  Psalms (146/150)