Psalms (145/150)  

1. Eyokudumisa kaDavide. Ndiya kukuphakamisa, Thixo wam, wena Kumkani, Ndilibonge igama lakho ngonaphakade kanaphakade.
2. Imihla yonke ndiya kukubonga, Ndilidumise igama lakho ngonaphakade kanaphakade.
3. Mkhulu uYehova, ngowokudunyiswa kakhulu; Ubukhulu bakhe abunakugocwagocwa.
4. Izizukulwana ngezizukulwana, kunconywa izenzo zakho, Kuxelwe ubugorha bakho.
5. Bunobungangamela ubuqaqawuli bendili yakho; Ngeendawo zakho ezibalulekileyo ndiya kucamngca.
6. Bothetha ngamandla ezenzo zakho ezoyikekayo, Ndibalise ngobukhulu bakho.
7. Bompompoza isikhumbuzo sokulunga kwakho okukhulu, Bamemelele ngobulungisa bakho.
8. Unobabalo nemfesane uYehova, Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.
9. Ulungile uYehova kubo bonke, Imfesane yakhe ikuzo zonke izenzo zakhe.
10. Ziyabulela kuwe, Yehova, zonke izenzo zakho, Bakubonge abakho benceba;
11. Uzuko lobukumkani bakho balutsho, Bathethe ngobugorha bakho.
12. Ukuba babazise oonyana babantu ubugorha bakhe, Ubuqaqawuli obuhle bobukumkani bakhe.
13. Ubukumkani bakho bubukumkani bamaphakade onke, Nolawulo lwakho lukwizizukulwana ngezizukulwana.
14. UYehova ungumxhasi wabo bonke abawayo, Ngumphakamisi wabo bonke abagobileyo.
15. Amehlo eento zonke akhangele kuwe, Wena ke uzinika ukudla kwazo ngexesha elililo;
16. Uyasivula isandla sakho, Uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo.
17. Ulilungisa uYehova ngeendlela zakhe zonke, Unenceba ngezenzo zakhe zonke.
18. Usondele uYehova kubo bonke abamnqulayo, Kubo bonke abamnqulayo ngenyaniso.
19. Uyayenza into ekholekileyo kwabamoyikayo, Akuve ukuzibika kwabo, abasindise.
20. UYehova ungumgcini wabo bonke abamthandayo, Abatshabalalise bonke abangendawo.
21. Umlomo wam mawuthethe indumiso kaYehova, Inyama yonke ilibonge igama lakhe elingcwele ngonaphakade kanaphakade.

  Psalms (145/150)