| ← Psalms (14/150) → |
| 1. | Kumongameli. EkaDavide. Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo. Bonakalisile, balisikizi ngeentlondi zabo; Akukho wenza okulungileyo. |
| 2. | UYehova esemazulwini uqondele koonyana babantu, Ukubona ukuba ukho na oqiqayo, Oquqela kuThixo. |
| 3. | Bonke batyekile, bayimbozisa bephelele; Akukho wenza okulungileyo, Akukho nokuba abe mnye. |
| 4. | Abanakwazi na bonke abasebenzi bobutshinga, Abathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka, Bangamnquli uYehova? |
| 5. | Apho bankwantya benkwantyile; Ngokuba uThixo usesizukulwaneni samalungisa. |
| 6. | Icebo losizana ningalidanisa, Kodwa uYehova ulihlathi lalo. |
| 7. | Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli! Ekubabuyiseni kukaYehova abantu bakhe ekuthinjweni, Wogcoba uYakobi, avuye uSirayeli. |
| ← Psalms (14/150) → |