Psalms (139/150)  

1. Kumongameli; ekaDavide. Umhobe. Yehova, undigocagocile, wandazi.
2. Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokusuka kwam; Uyaziqonda izicamango zam nakude.
3. Ukuhamba kwam nokulala kwam, uyakwela; Uqhelene neendlela zam zonke.
4. Ngokuba akukho lizwi elulwimini lwam Ongalaziyo ke, Yehova, kanye.
5. Ngasemva nangaphambili undingqingile, Wasibeka phezu kwam isandla sakho.
6. Kubalulekile kum oko kwazi, Kuphezulu, kundinqabele.
7. Ndingahambela phi na ukumka emoyeni wakho? Ndingabalekela phi na ukumka ebusweni bakho?
8. Ukuba ndithe ndenyuka ndaya emazulwini, ulapho wena; Ukuba ndithe ndazandlalela kwelabafileyo, nanko ukho.
9. Ukuba ndithe ndaphakamisa amaphiko esifingo, Ndaya ndahlala ekupheleni kolwandle,
10. Besingandikhaphayo kwanalapho isandla sakho, Sindibambe isandla sakho sokunene.
11. Ukuba ndithe, Mabundisongele ubumnyama bona bodwa, Nokukhanya kube bubusuku ngeenxa zonke kum:
12. Kwanobumnyama obo abungebi bubumnyama kuwe; Ubusuku bungaba mhlophe njengemini, Ubumnyama bungaba njengokukhanya
13. Ngokuba wena wazibumba izintso zam, Wandibiyela esizalweni sikama.
14. Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; Zibalulekile izenzo zakho, Umphefumlo wam uyazi kakuhle.
15. Ayengagushekile kuwe amathambo am, Mna ndenzelwayo entsithelweni, Ndalukwa ndayimfakamfele ezinzulwini zomhlaba.
16. Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, Zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela; Ziyiliwe ngenxa engaphambili, Kungekabikho ke nanye kuzo.
17. Kum ke zinjani na ukunqaba izicamango zakho, Thixo! Asingangani isimbuku sazo!
18. Zingathi, ndizibalile, zibe ninzi ngaphezu kwentlabathi; Ndakuvuka ndoba ndisenawe.
19. Ngamana wambulala ongendawo, Thixo! Nina madoda amagazi, sukani kum.
20. Abo bakukhankanyela amayelenqe, Balibizela inkohlakalo igama lakho abazondi bakho.
21. Andinakubathiya na abakuthiyayo, Yehova, Ndikruquke ngabasukela phezulu kuwe?
22. Ndibathiya ngentiyo ephelelisileyo, Kum mna baziintshaba.
23. Ndigocagoce, Thixo, uyazi intliziyo yam; Ndicikide, uzazi iingcinga-ngcinga zam;
24. Ubone ukuba kukho ndlela yobubi na kum, Undikhaphele kwindlela engunaphakade.

  Psalms (139/150)