Psalms (138/150)  

1. EkaDavide. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo yam yonke; Phambi koothixo ndiya kukubethela uhadi.
2. Ndiya kuqubuda ndibhekise etempileni yakho engcwele, Ndibulele kwigama lakho, ngenxa yenceba yakho, nangenxa yenyaniso yakho; Kuba ulikhulisile ilizwi lakho ngaphezu kwegama lakho lonke.
3. Ngomhla wokubiza kwam wandiphendula, Wandikhaliphisa, yangamandla emphefumlweni wam.
4. Baya kubulela kuwe, Yehova, bonke ookumkani behlabathi, Bakuweva amazwi omlomo wakho;
5. Bavume ngeendlela zikaYehova, Ukuba lukhulu uzuko lukaYehova:
6. Ngokuba noko uYehova aphakamileyo, uyambona othobekileyo; Ke yena oziphakamisayo umazi nakude.
7. Ukuba ndithe ndahamba-hamba phakathi kweembandezelo, uyandiphilisa; Wosolulela emsindweni weentshaba zam isandla sakho, Sindisindise isandla sakho sokunene.
8. UYehova uya kundifezela. Yehova, inceba yakho ingunaphakade, Izenzo zezandla zakho musa ukuziyekela.

  Psalms (138/150)