| ← Psalms (137/150) → |
| 1. | NgaseMilanjeni yaseBhabheli Sahlala phantsi khona, salila, Sakuyikhumbula iZiyon. |
| 2. | Emingculubeni phakathi kwayo Sazixhoma khona iihadi zethu. |
| 3. | Ngokuba khona apho abathimbi bethu basibiza Izango zengoma; Abathuthumbisi bethu basibiza uvuyo, Besithi, Sivumeleni ingoma yaseZiyon. |
| 4. | Singathini na ukuvuma ingoma kaYehova Emhlabeni wolunye uhlanga? |
| 5. | Ukuba ndithe ndakulibala, Yerusalem, Masinyele isandla sam sokunene. |
| 6. | Ulwimi lwam malunamathele ekhuhlangubeni lam, Ukuba andithanga ndikukhumbule; Ukuba andithanga ndiyinyuse iYerusalem Ngaphezu kwemivuyo yam yonke. |
| 7. | Bakhumbule, Yehova, oonyana bakaEdom, Umhla weYerusalem, Abo bathi, Yidilizeni, yidilizeni Kuse elusekweni lwayo. |
| 8. | Ntombi inguBhabheli, wena unyashiweyo; Hayi, uyolo lwalowo ukubuyekezayo ukuphatha kwakho Osiphethe ngako! |
| 9. | Hayi, uyolo lwalowo ubabambayo abahlekeze abantwana bakho Engxondorheni! |
| ← Psalms (137/150) → |