Psalms (136/150)  

1. Bulelani kuYehova, ngokuba elungile: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
2. Bulelani kuThixo woothixo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
3. Bulelani kuNkosi kankosi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
4. KuloMenzi wemisebenzi ebalulekileyo emikhulu yedwa: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
5. KuloMenzi wezulu ngengqondo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
6. KuloMtwabululi wehlabathi phezu kwamanzi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
7. KuloMenzi wezikhanyiso ezikhulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;
8. Ilanga lilawule emini: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;
9. Inyanga neenkwenkwezi zilawule ebusuku: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
10. Kulowabulala amaYiputa kumazibulo awo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
11. Wawakhupha amaSirayeli phakathi kwawo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
12. Ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
13. KuloMgabuli woLwandle oluBomvu, lwagabuka: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
14. Wawaweza amaSirayeli esazulwini salo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
15. Wamvuthululela uFaro nempi yakhe eLwandle oluBomvu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
16. Kulohambisa abantu bakhe entlango: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
17. Kulowaxabela ookumkani abakhulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
18. Wabulala ookumkani abaziingangamsha: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;
19. USihon, ukumkani wama-Amori: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;
20. No-Ogi, ukumkani waseBhashan: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
21. Walinikela ilizwe labo laba lilifa: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe,
22. Laba lilifa kuSirayeli umkhonzi wakhe: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
23. Owasikhumbulayo ebuphantsini bethu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
24. Wasihlangula kwabasibandezelayo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
25. Ulonika into yonke ephilileyo ukudla: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
26. Bulelani kuThixo wamazulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

  Psalms (136/150)