| ← Psalms (136/150) → |
| 1. | Bulelani kuYehova, ngokuba elungile: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 2. | Bulelani kuThixo woothixo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 3. | Bulelani kuNkosi kankosi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 4. | KuloMenzi wemisebenzi ebalulekileyo emikhulu yedwa: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 5. | KuloMenzi wezulu ngengqondo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 6. | KuloMtwabululi wehlabathi phezu kwamanzi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 7. | KuloMenzi wezikhanyiso ezikhulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; |
| 8. | Ilanga lilawule emini: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; |
| 9. | Inyanga neenkwenkwezi zilawule ebusuku: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 10. | Kulowabulala amaYiputa kumazibulo awo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 11. | Wawakhupha amaSirayeli phakathi kwawo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 12. | Ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 13. | KuloMgabuli woLwandle oluBomvu, lwagabuka: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 14. | Wawaweza amaSirayeli esazulwini salo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 15. | Wamvuthululela uFaro nempi yakhe eLwandle oluBomvu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 16. | Kulohambisa abantu bakhe entlango: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 17. | Kulowaxabela ookumkani abakhulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 18. | Wabulala ookumkani abaziingangamsha: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; |
| 19. | USihon, ukumkani wama-Amori: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; |
| 20. | No-Ogi, ukumkani waseBhashan: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 21. | Walinikela ilizwe labo laba lilifa: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe, |
| 22. | Laba lilifa kuSirayeli umkhonzi wakhe: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 23. | Owasikhumbulayo ebuphantsini bethu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 24. | Wasihlangula kwabasibandezelayo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 25. | Ulonika into yonke ephilileyo ukudla: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 26. | Bulelani kuThixo wamazulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| ← Psalms (136/150) → |