| ← Psalms (133/150) → |
| 1. | Ingoma yezinyuko; kaDavide. Yabonani, ukuba kuhle, ukuba mnandi, Ukuthi abazalwana bahlale bemxhelo mnye! |
| 2. | Kunjengeoli elungileyo entloko, Isihla ezindevini, Ezindevini zika-Aron, Isihla iye emqukumbelweni weengubo zakhe. |
| 3. | Kunjengombethe waseHermon, Ohla phezu kweentaba zaseZiyon; Ngokuba uYehova wayimisela khona apho intsikelelo, Ubomi, kude kuse ephakadeni. |
| ← Psalms (133/150) → |