Psalms (130/150)  

1. Ingoma yezinyuko. Ezinzulwini ndinqula wena, Yehova,
2. Nkosi, yiva ilizwi lam. Iindlebe zakho mazilibazele Ilizwi lokutarhuzisa kwam.
3. Ukuba uthe wabunqala ubugwenxa, Yehova, Ngubani na ongaba nokuma, Nkosi?
4. Ngokuba kunawe ukuxolela, Ukuze woyikwe.
5. Ndithembele kuYehova, uthembile umphefumlo wam; Ndilinde ilizwi lakhe.
6. Umphefumlo wam ulindele eNkosini Ngaphezu kwabalinde ukusa, Ewe, abalinde ukusa.
7. Lindela kuYehova, Sirayeli, Ngokuba inceba ikuYehova; Ikuye inkululeko eninzi.
8. Yena ke wowakhulula amaSirayeli Ebugwenxeni bawo bonke.

  Psalms (130/150)