Psalms (128/150)  

1. Ingoma yezinyuko. Hayi, uyolo lwabantu bonke abamoyikayo uYehova, Abahamba ngeendlela zakhe!
2. Ukuxelenga kwezandla zakho inene uya kukudla, Uya kuba noyolo wena, kulunge kuwe.
3. Umkakho woba njengomdiliya oqhamayo Endlwini yakho ngaphakathi; Oonyana bakho babe njengezithole zomnquma Ngeenxa zonke esithebeni sakho.
4. Yabona, unjalo ukusikelelwa umfo Omoyikayo uYehova.
5. Makakusikelele uYehova eZiyon. Uyibone iYerusalem inenyhweba Yonke imihla yobomi bakho;
6. Ubone abantwana babantwana bakho. Malube luxolo kuSirayeli.

  Psalms (128/150)