| ← Psalms (127/150) → |
| 1. | Ingoma yezinyuko. KaSolomon. Ukuba akayakhi uYehova indlu, Bafumana besaphuka yiyo abakhi bayo. Ukuba umzi akawugcini uYehova, Ufumana ephaphama owugcinayo. |
| 2. | Nifumana nivuka kusasa, Nihlale nisebenza kude kube sebusuku, Nikudla ukudla kokubulaleka; Uyipha intanda yakhe, ilele ubuthongo. |
| 3. | Uyabona, ilifa likaYehova ngoonyana, Umvuzo sisiqhamo sesizalo. |
| 4. | Njengeentolo esandleni segorha, Banjalo oonyana bobutsha. |
| 5. | Hayi, uyolo lomfo ozalise umphongolo wakhe ngabo! Abayi kudana, Xa bathetha neentshaba esangweni. |
| ← Psalms (127/150) → |