Psalms (122/150)  

1. Ingoma yezinyuko. KaDavide. Ndavuya bakuthi kum, Masiye endlwini kaYehova.
2. Iinyawo zethu zifike zema Emasangweni akho, Yerusalem;
3. Yerusalem, wena wakhiweyo Ngokomzi ohlangeneyo wamnye;
4. Apho zinyuka ziye khona izizwe, Izizwe zikaYehova; Ibubungqina ke loo nto kwaSirayeli, Ukuba kubulelwe kwigama likaYehova.
5. Kuba khona apho kumiswe iitrone zokugweba, Iitrone zendlu kaDavide.
6. Celelani iYerusalem uxolo; Mababe nokuchulumacha abakuthandayo,
7. Malube luxolo eludongeni lwakho olurhaqileyo, Nokuchulumacha ezingxandeni zakho ezinde.
8. Ngenxa yabazalwana bam nowethu, Makhe ndithethe uxolo ngawe.
9. Ngenxa yendlu kaYehova, uThixo wethu, Ndiya kufuna okukulungeleyo.

  Psalms (122/150)