Psalms (121/150)  

1. Ingoma yezinyuko. Ndiwaphakamisele ezintabeni na amehlo am? Luya kuvela phi na uncedo lwam?
2. Uncedo lwam luvela kuYehova, UMenzi wezulu nehlabathi.
3. Akayi kukha alunikele unyawo lwakho ekutyibilikeni; Akayi kukha ozele umgcini wakho.
4. Uyabona, akozeli, akalali, UMgcini kaSirayeli.
5. NguYehova umgcini wakho, NguYehova umthunzi wakho ekunene kwakho.
6. Emini ilanga aliyi kukwenzakalisa, Nenyanga ebusuku.
7. UYehova uya kukugcina ebubini bonke, Uya kuwugcina umphefumlo wakho.
8. UYehova uya kukugcina ukuphuma kwakho nokungena kwakho, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.

  Psalms (121/150)