Psalms (12/150)  

1. Kumongameli: ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide. Sindisa, Yehova, ngokuba uphelile owenceba, Ngokuba bathe shwaka abanyanisileyo koonyana babantu.
2. Bathetha inkohlakalo omnye nomnye; Bathetha ngomlomo ogudileyo, nangentliziyo embaxa.
3. Ngamana uYehova angayinqumla yonke imilebe yomlomo ogudileyo, Ulwimi oluthetha izinto ezinkulu;
4. Abathe, Ulwimi lwethu siyalupheza; Imilomo yethu yeyethu; ngubani na oyinkosi kuthi?
5. Ngenxa yokubhuqwa kweentsizana, ngenxa yokuncwina kwamahlwempu, Ndiya kusuka ndime ngoku, utsho uYehova; Ndiya kumbeka elusindisweni lowo ululangazelelayo.
6. Amazwi kaYehova ngamazwi acocekileyo, Yisilivere enyibilikiselwe eziko, yela emhlabeni, Ehluzwe kasixhenxe.
7. Wena, Yehova, uya kubagcina, Uya kubalondoloza kwesi sizukulwana ngonaphakade.
8. Abangendawo bahambahamba ngeenxa zonke, Xa kuphakanyiswe abangeni phakathi koonyana babantu.

  Psalms (12/150)