| ← Psalms (119/150) → |
| 1. | Hayi, uyolo lwabandlela igqibeleleyo, Bona bahambayo ngomyalelo kaYehova! |
| 2. | Hayi, uyolo lwababambe izingqiniso zakhe, Abamquqelayo ngentliziyo epheleleyo! |
| 3. | Abasebenzi nokusebenza bugqwetha, Bayahamba ngeendlela zakhe. |
| 4. | Uzimisile iziyalezo zakho, Ukuba zigcinwe kunene. |
| 5. | Azaba iindlela zam bezibhekiselwe Ukugcina imimiselo yakho! |
| 6. | Bendingayi kudana ke Ekubhekeni kwam kwimithetho yakho yonke. |
| 7. | Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo ethe tye, Ekuzifundeni kwam izigwebo zobulungisa bakho. |
| 8. | Ndiya kuyigcina imimiselo yakho, Musa ukundishiya kuphele. |
| 9. | Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe? Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho. |
| 10. | Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho. |
| 11. | Ndiyibeke intetho yakho entliziyweni yam, Ukuze ndingoni kuwe. |
| 12. | Ungowokubongwa, Yehova; Ndifundise imimiselo yakho. |
| 13. | Ndiyawabalisa ngemilebe yomlomo wam Onke amasiko omlomo wakho. |
| 14. | Ndinemihlali endleleni yezingqiniso zakho, Ngathi kusebuncwaneni bonke. |
| 15. | Ndiya kucamngca ngeziyalezo zakho, Ndibheke kumendo wakho. |
| 16. | Ndiyaziyolisa ngemimiselo yakho; Andiyi kulilibala ilizwi lakho. |
| 17. | Mphathe kakuhle umkhonzi wakho, ndidle ubomi, Ndigcine ilizwi lakho. |
| 18. | Vula amehlo am, ukuba ndiyibone Imisebenzi ebalulekileyo yasemyalelweni wakho. |
| 19. | Ndingumphambukeli ehlabathini, Musa ukuyisithelisa kum imithetho yakho. |
| 20. | Umphefumlo wam ucumkile ngokulangazelela Amasiko akho ngamaxesha onke. |
| 21. | Ubakhalimele abakhukhumali, Abaqalekiswa abo, balahlekeneyo nemithetho yakho. |
| 22. | Shenxisa imke kum ingcikivo nendelo, Ngokuba ndizibambile izingqiniso zakho. |
| 23. | Nangona abathetheli behlala bathethe ngam, Umkhonzi wakho yena ucamngca ngemimiselo yakho. |
| 24. | Izingqiniso zakho ziziyoliso zam noko, Zingamaphakathi am. |
| 25. | Umphefumlo wam unamathele eluthulini: Ndiphilise ngokwelizwi lakho. |
| 26. | Ndizicacisile iindlela zam, wandiphendula; Ndifundise imimisela yakho. |
| 27. | Ndiqondise iindlela zeziyalezo zakho, Ndicamngce ngemisebenzi yakho ebalulekileyo. |
| 28. | Umphefumlo wam uvuza iinyembezi sisingqala, Ndimise ngokwelizwi lakho. |
| 29. | Indlela yobuxoki yisuse kum; Ndibabale umyalelo wakho. |
| 30. | Ndiyinyule indlela yokuthembeka; Amasiko akho ndijolise kuwo. |
| 31. | Ndinamathele ezingqinisweni zakho; Musa ukundidanisa, Yehova. |
| 32. | Ndigidima ngendlela yemithetho yakho, Ngokuba uyenze banzi intliziyo yam. |
| 33. | Ndiyalele, Yehova, indlela yemimiselo yakho, Ndiyibambe kuphele. |
| 34. | Ndiqondise, ndibambe umyalelo wakho, Ndiwugcine ngentliziyo yonke. |
| 35. | Ndinyathelise endleleni yemithetho yakho, Ngokuba ndiyithandile. |
| 36. | Intliziyo yam yithobele ezingqinisweni zakho, Ungayithobeli ekubaweni. |
| 37. | Dlulisa amehlo am angakhangeli inkohlakalo, Ndiphilise ngeendlela zakho. |
| 38. | Zalisa kumkhonzi wakho intetho yakho, Eyokuba bakoyike. |
| 39. | Yidlulise ingcikivo yam endinxunguphala yiyo, Ngokuba amasiko akho alungile. |
| 40. | Nanku ndilangazelela iziyalezo zakho, Ndiphilise ngobulungisa bakho. |
| 41. | Mazize kum iinceba zakho, Yehova, Nosindiso lwakho ngokwentetho yakho; |
| 42. | Ndimphendule ngelizwi ondingcikivayo, Ngokuba ndikholose ngelizwi lakho. |
| 43. | Musa ukuda ulihluthe emlonyeni wam ilizwi lenyaniso, Ngokuba ndilindele izigwebo zakho; |
| 44. | Ndowugcina umyalelo wakho ngamaxesha onke, Ngonaphakade kanaphakade; |
| 45. | Ndihamba-hambe endaweni ebanzi, Ngokuba ndifuna iziyalezo zakho. |
| 46. | Ndothetha ngezingqiniso zakho phambi kokumkani, Ndingabi nakudana. |
| 47. | Ndoziyolisa ngemithetho yakho Endiyithandayo; |
| 48. | Ndiziphakamise izandla zam emithethweni yakho endiyithandayo, Ndicamngce ngemimiselo yakho. |
| 49. | Khumbula ilizwi lakho kumkhonzi wakho, Ngenxa enokuba undithembise lona. |
| 50. | Yiyo le intuthuzelo yam ekucinezelekeni kwam, Yokuba intetho yakho indiphilisile. |
| 51. | Abakhukhumali bada bandigxeka kakhulu; Kanti andithi gu bucala emyalelweni wakho. |
| 52. | Ndawakhumbula amasiko akho kususela kwanaphakade, Yehova, Ndathuthuzeleka. |
| 53. | Ndingenwe ngumsindo oshushu, Ndisenziwa ngabangendawo abalahla umyalelo wakho. |
| 54. | Iziingoma kum imimiselo yakho, Endlwini yokuphambukela kwam. |
| 55. | Ndilikhumbule ebusuku igama lakho, Yehova, Ndawugcina umyalelo wakho. |
| 56. | Ndinikwe oku, Ukuba ndibambe iziyalezo zakho. |
| 57. | Isabelo sam, Yehova, ndithi, Sesokuba ndigcine amazwi akho. |
| 58. | Ndiya kubongoza ngentliziyo yonke, Ndibabale ngokwentetho yakho. |
| 59. | Ndazicingela iindlela zam, Ndazibuyisela iinyawo zam ezingqinisweni zakho. |
| 60. | Ndikhawulezile andazila-zila Ukugcina imithetho yakho. |
| 61. | Izintya zabangendawo zindithandele, Andiwulibele umyalelo wakhe noko. |
| 62. | Ndivuka phakathi kobusuku, ndibulele kuwe, Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho. |
| 63. | Ndilidlelane labo bonke abakoyikayo, Nelabazigcinayo iziyalezo zakho. |
| 64. | Inceba yakho, Yehova, izalise ihlabathi; Ndifundise imimiselo yakho. |
| 65. | Umenzele okulungileyo umkhonzi wakho, Yehova, ngokwelizwi lakho. |
| 66. | Ndifundise, ndibe nemvo nokwazi okulungileyo, Ngokuba ndikholwa yimithetho yakho. |
| 67. | Ndingekacinezelwa, ndaye ndilahleka; Kungoku ndiyigcinile intetho yakho. |
| 68. | Ulungile wena, ulungisa; Ndifundise imimiselo yakho. |
| 69. | Abakhukhumali bathungele ubuxoki ngam; Mna ndizibamba ngentliziyo yonke iziyalezo zakho. |
| 70. | Ithe fithi kukutyeba intliziyo yabo; Ke mna ndiziyolisa ngomyalelo wakho. |
| 71. | Kundilungele okokuba ndacinezelwayo, Ukuze ndiyifunde imimiselo yakho. |
| 72. | Ulungile kum umyalelo womlomo wakho, Ngaphezu kwamawaka egolide nesilivere. |
| 73. | Izandla zakho zindenzile, zandilungisa; Ndiqondise, ndifunde imithetho yakho. |
| 74. | Abakoyikayo bondibona, bavuye, Ngokuba ndilindele elizwini lakho. |
| 75. | Ndiyazi, Yehova, ukuba zinobulungisa izigwebo zakho; Undicinezele, phofu uthembekile. |
| 76. | Ngamana inceba yakho yaba yeyokundithuthuzela, Njengokwentetho yakho kumkhonzi wakho. |
| 77. | Mazize kum iimfesane zakho, ndiphile, Ngokuba umyalelo wakho undiyolisa. |
| 78. | Mabadane abakhukhumali, ngokuba bendigobele phantsi ngobuxoki, Mna ndicamngca ngeziyalezo zakho. |
| 79. | Mabandibuyele abakoyikayo, Nabazaziyo izingqiniso zakho. |
| 80. | Mayigqibelele intliziyo yam emimiselweni yakho, Ukuze ndingadani. |
| 81. | Umphefumlo wam uyaphela kukululangazelela usindiso lwakho, Ndilindele elizwini lakho. |
| 82. | Amehlo am ayaphela kukulangazelela intetho yakho, Ndisithi, Uya kundithuthuzela nini na? |
| 83. | Noko ndithe ndaba njengentsuba emsini; Andiyilibali imimiselo yakho. |
| 84. | Zingaphi na iintsuku zomkhonzi wakho? Uya kuda ubagwebe nini na abandisukelayo? |
| 85. | Abakhukhumali bandimbele izihogo, Abangenamyalelo wakho. |
| 86. | Yonke imithetho yakho ithembekile: Bandisukela ngobuxoki; ndincede. |
| 87. | Baphantse ukundigqibela emhlabeni, Ke mna andizilahli iziyalezo zakho. |
| 88. | Ndiphilise ngokwenceba yakho, Ndizigcine izingqiniso zomlomo wakho. |
| 89. | Lingunaphakade, Yehova, Limi emazulwini ilizwi lakho. |
| 90. | Ukuthembeka kwakho kukwizizukulwana ngezizukulwana; Ulizinzisile ihlabathi, lema. |
| 91. | Ezo zinto zimele izigwebo zakho nanamhla, Ngokuba iinto zonke zingabakhonzi bakho. |
| 92. | Koko umyalelo wakho wandiyolisayo, Ndinge ndaphelayo ekucinezelekeni kwam. |
| 93. | Andiyi kuzilibala naphakade iziyalezo zakho, Ngokuba undiphilisile ngazo. |
| 94. | Ndingowakho mna, ndisindise, Kuba ndicamanga ngeziyalezo zakho. |
| 95. | Abangendawo bandilindile ukuze banditshabalalise; Mna ndigqale izingqiniso zakho. |
| 96. | Yonke inzaliseko ndiyibonile apho iphela khona; Ke wona umthetho wakho ngumphangalala omkhulu. |
| 97. | Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho! Imini le yonke ndiyacamngca ngawo. |
| 98. | Indifundisa ubulumko ngaphezu kweentshaba zam imithetho yakho, Ngokuba yeyam ngonaphakade. |
| 99. | Ndinokuqiqa ngaphezu kwabafundisi bam bonke, Ngokuba ngezingqiniso zakho ndiyacamngca. |
| 100. | Ndinokuqonda ngaphezu kwamadoda amakhulu, Ngokuba ndizibamba iziyalezo zakho. |
| 101. | Ndizinqandile iinyawo zam kwiindlela zonke ezimbi, Ukuze ndiligcine ilizwi lakho. |
| 102. | Andisuki emasikweni akho, Ngokuba undiyalile wena. |
| 103. | Hayi, ukuba mnandi kwentetho yakho ekhuhlangubeni lam! Igqithe nobusi emlonyeni wam. |
| 104. | Ngeziyalezo zakho ndinokuqonda, Ngenxa yoko ndiwuthiyile wonke umendo wobuxoki. |
| 105. | Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho, Likukukhanya emendweni wam. |
| 106. | Ndikufungele, ndikumisile, Ukuzigcina izigwebo zobulungisa bakho. |
| 107. | Ndide ndacinezeleka kakhulu; Yehova, ndiphilise ngokwelizwi lakho. |
| 108. | Ngamana wakholeka kuwe, Yehova, umbingelelo wesisa womlomo wam; Ndifundise amasiko akho. |
| 109. | Umphefumlo wam uhlala usesandleni sam, Ndingawulibali umyalelo wakho. |
| 110. | Abangendawo bandenzele umgibe, Andiphambukanga eziyalezweni zakho. |
| 111. | Ndizidle ilifa izingqiniso zakho ngonaphakade, Ngokuba ziyimihlali yentliziyo yam; |
| 112. | Intliziyo yam ndiyithobele ekwenzeni imimiselo yakho Ngonaphakade, kuphele. |
| 113. | Abambaxa ndiyabathiya, Wona umyalelo wakho ndiyawuthanda. |
| 114. | Isithe lam nengweletshetshe yam nguwe, Ndilindele elizwini lakho. |
| 115. | Sukani kum, nina benzi beento ezimbi, Ndibambe imithetho yoThixo wam. |
| 116. | Ndizimase ngokwelizwi lakho, ndiphile, Ungandidanisi ekulindeni kwam. |
| 117. | Ndixhase ndisinde, Ndihlale ndibheke emimiselweni yakho. |
| 118. | Ubacukucezile bonke abalahlekana nemimiselo yakho, Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki. |
| 119. | Wena ususa bonke abangendawo behlabathi njengentlenga, Ngoko ndiyazithanda izingqiniso zakho. |
| 120. | Inyama yam isuka ihambe kukunkwantyiswa nguwe, Ndizoyike izigwebo zakho. |
| 121. | Ndenza ngesiko nangobulungisa, Ungandinikeli kwabandicudisayo. |
| 122. | Mmele umkhonzi wakho, kulunge; Mabangandicudisi abakhukhumali. |
| 123. | Amehlo am ayaphela kukululangazelela usindiso lwakho, Nentetho yobulungisa bakho. |
| 124. | Umkhonzi wakho menzele ngokwenceba yakho Undifundise imimiselo yakho. |
| 125. | Ndingumkhonzi wakho, ndiqondise, Ndizazi izingqiniso zakho. |
| 126. | Lilixa lokuba uYehova enze, Kuba bawaphule umyalelo wakho. |
| 127. | Ngenxa yoko ndiyithanda imithetho yakho Ngaphezu kwegolide, nakwengcwengiweyo. |
| 128. | Ngenxa yoko ndithi, Zonke iziyalezo zakho zithe tye ngezinto zonke; Wonke umendo wobuxoki ndiwuthiyile. |
| 129. | Ziyimisebenzi ebalulekileyo izingqiniso zakho, Ngenxa yoko uzibambile umphefumlo wam. |
| 130. | Ukutyhila kwamazwi akho kuyakhanyisa, Kuqondisa abazizidenge. |
| 131. | Ndakhamisa umlomo wam, ndakhefuza, Ngokuba ndiyilangazelela imithetho yakho. |
| 132. | Ndibheke, undibabale, Ngokwesiko lakho kubathandi begama lakho. |
| 133. | Qinisa ukunyathela kwam ngentetho yakho, Mabungabi nagunya kum ubutshinga, nabuphi na. |
| 134. | Ndikhulule ekucudiseni komntu, Ndizigcine iziyalezo zakho. |
| 135. | Khanyisa ubuso bakho kumkhonzi wakho, Undifundise imimiselo yakho. |
| 136. | Ahla imijelo yamanzi amehlo am, Ngenxa yokuba bengawugcini umyalelo wakho. |
| 137. | Ulilungisa wena, Yehova, Zithe tye izigwebo zakho. |
| 138. | Uzimisile izingqiniso zakho, zanobulungisa, Zaba nokuthembeka kakhulu. |
| 139. | Ikhwele lam lindibhangisile, Ngokuba abandibandezelayo bewalibele amazwi akho. |
| 140. | Ilizwi lakho linyibilikisiwe njengegolide kunene, Umkhonzi wakho uyalithanda. |
| 141. | Ndimncinane, ndideliwe, Noko andizilibali iziyalezo zakho. |
| 142. | Ubulungisa bakho bubulungisa obungunaphakade, Umyalelo wakho uyinyaniso. |
| 143. | Imbandezelo nengcutheko indifumene, Imithetho yakho iyandiyolisa. |
| 144. | Zinobulungisa ngonaphakade izingqiniso zakho, Ndiqondise, ndiphile. |
| 145. | Ndikhala ngentliziyo yonke, ndiphendule; Yehova, imimiselo yakho ndiya kuyibamba. |
| 146. | Ndikhala kuwe, ndisindise, Ndigcine izingqiniso zakho. |
| 147. | Ndakuphangela ukusa, ndazibika, Ndalindela emazwini akho. |
| 148. | Amehlo am aphengela imilindo yasebusuku, Ukuze ndicamngce ngentetho yakho. |
| 149. | Live ilizwi lam ngokwenceba yakho, Yehova, ndiphilise ngokwamasiko akho. |
| 150. | Bayasondela abaphuthuma amanyala, Banyawuka emyalelweni wakho; |
| 151. | Usondele wena, Yehova, Yonke imithetho yakho iyinyaniso. |
| 152. | Kudala ndisazi ngokwezingqiniso zakho, Ukuba uzisekile ngonaphakade. |
| 153. | Khangela ukucinezeleka kwam, undihlangule, Ngokuba ndingawulibali umyalelo wakho. |
| 154. | Bambana nobambene nam, undikhulule, Ndiphilise ngokwelizwi lakho. |
| 155. | Lunyawukile kwabangendawo usindiso, Ngokuba abayifuni imimiselo yakho. |
| 156. | Iimfesane zakho zininzi, Yehova; Ndiphilise ngokwamasiko akho. |
| 157. | Baninzi abandisukelayo nabandibandezelayo; Andithi gu bucala ezingqinisweni zakho. |
| 158. | Ndababona abatshinizi, ndakruquka, Abo bangayigciniyo intetho yakho. |
| 159. | Bona ukuthanda kwam iziyalezo zakho, Yehova, ndiphilise ngokwenceba yakho. |
| 160. | Isimbuku selizwi lakho siyinyaniso iphela, Zingunaphakade zonke izigwebo zobulungisa bakho. |
| 161. | Abathetheli bandisukela ngelize, Intliziyo yam iyankwantyiswa ngamazwi akho. |
| 162. | Ndinemihlali ngentetho yakho, Njengofumene ixhoba elininzi. |
| 163. | Ndikuthiyile ukuxoka, lisikizi kum; Ndiyawuthanda umyalelo wakho. |
| 164. | Ndikudumisa kasixhenxe ngemini, Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho. |
| 165. | Banoxolo olukhulu abawuthandayo umyalelo wakho; Akukho sikhubekiso kubo. |
| 166. | Ndikhangela usindiso lwakho, Yehova; Ndenza imithetho yakho. |
| 167. | Umphefumlo wam uyazigcina izingqiniso zakho, Ndizithanda kunene. |
| 168. | Ndiyazigcina iziyalezo zakho nezingqiniso zakho, Ngokuba zonke iindlela zam ziphambi kwakho. |
| 169. | Makusondele phambi kwakho ukuhlahlamba kwam; Yehova, ndiqondise ngokwelizwi lakho. |
| 170. | Masifike isikhungo sam phambi kwakho; Ndihlangule ngokwentetho yakho. |
| 171. | Umlomo wam mawumpompoze indumiso, Kuba undifundisile imimiselo yakho. |
| 172. | Ulwimi lwam luya kuyiphendula intetho yakho, Ngokuba yonke imithetho yakho inobulungisa. |
| 173. | Isandla sakho masibe sesokundinceda, Ngokuba ndizinyulele iziyalezo zakho. |
| 174. | Ndilangazelela usindiso lwakho, Yehova; Umyalelo wakho uyandiyolisa. |
| 175. | Mawuphile umphefumlo wam, ukudumise, Andincede amasiko akho. |
| 176. | Ndiya ndimka njengemvu elahlekileyo; mfune umkhonzi wakho, Ngokuba andiyilibali imithetho yakho. |
| ← Psalms (119/150) → |