Psalms (118/150)  

1. Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
2. Makathi uSirayeli, Ingunaphakade inceba yakhe.
3. Mayithi indlu ka-Aron, Ingunaphakade inceba yakhe.
4. Mabathi abamoyikayo uYehova, Ingunaphakade inceba yakhe.
5. Ndabiza uYehova ndisengxingongweni; Wandiphendula uYehova, wandibeka endaweni ebanzi.
6. UYehova ungakum, andoyiki; Angandenza ntoni na umntu?
7. UYehova ungakum ngokundinceda; Ndiya kubona mna kwabandithiyayo.
8. Kulungile ukuzimela ngoYehova, Ngaphezu kokukholosa ngomntu.
9. Kulungile ukuzimela ngoYehova Ngaphezu kokukholosa ngamanene.
10. Zingafanelana zonke iintlanga zindirhawule: Egameni likaYehova inene ndozinqumla.
11. Zingafanelana zindirhawule zandirhawula: Egameni likaYehova inene ndozinqumla.
12. Zingafanelana zindirhawule njengeenyosi: Zocinywa njengomlilo weentsasa; Egameni likaYehova inene ndozinqumla.
13. Undityhale ngamandla wena ukuba ndiwe; Kodwa uYehova wandinceda.
14. Iqhayiya lam nengoma yam nguYehova, Waba lusindiso kum.
15. Izwi lokumemelela nelosindiso lisezintenteni zamalungisa, lisithi, Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa;
16. Isandla sokunene sikaYehova siphakamile; Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa.
17. Andiyi kufa, ndiya kudla ubomi, Ndibalise ngezenzo zikaYehova.
18. UYehova undithethise kakhulu, Ke akandinikela ekufeni.
19. Ndivuleleni amasango obulungisa; Ndiya kungena ngawo, ndiya kubulela kuYehova.
20. Nali isango likaYehova, Amalungisa angena ngalo.
21. Ndiyabulela kuwe kuba undiphendule, Waba lusindiso kum.
22. Ilitye abalilahlayo abakhi Laba yintloko yembombo.
23. Kuvele kuYehova oku, Kungumsebenzi obalulekileyo emehlweni ethu.
24. Le yimini ayenzileyo uYehova, Masigcobe sivuye ngayo.
25. Yehova, camagu, khawusindise, Yehova, camagu, khawuhlangule.
26. Makabongwe lo uzayo esegameni likaYehova, Siyanisikelela nina basendlwini kaYehova.
27. UYehova nguThixo, usikhanyisela; Bophelelani umbingelelo womthendeleko ngeentambo, Kude kuye ezimpondweni zesibingelelo.
28. UnguThixo wam, ndiya kubulela kuwe; UnguThixo wam, ndiya kukuphakamisa.
29. Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

  Psalms (118/150)