| ← Psalms (116/150) → |
| 1. | Ndiyamthanda, ngokuba uYehova eliva Ilizwi lam, ukutarhuzisa kwam. |
| 2. | Ngokuba endithobele indlebe yakhe, Ndiya kumnqula ngemihla yam yonke. |
| 3. | Izintya zokufa zandijikela, Iingxingongo zelabafileyo zandifumana, Ndafunyanwa ziimbandezelo nesingqa la. |
| 4. | Ndanqula ke igama likaYehova, ndathi, Yehova, ndiya kukhunga, siza umphefumlo wam. |
| 5. | UYehova unobabalo, ulilungisa, UThixo wethu unemfesane. |
| 6. | Ngumgcini wabazizidenge uYehova; Ndandiswele, wandisindisa. |
| 7. | Buyela ekuphumleni kwakho, mphefumlo wam, Ngokuba uYehova ukuphatha kakuhle; |
| 8. | Ngokuba ewuhlangule umphefumlo wam ekufeni, Iliso lam ezinyembezini, Unyawo lwam ekungqulekeni. |
| 9. | Ndiya kuhamba-hamba phambi koYehova Emazweni abaphilileyo. |
| 10. | Ndiyakholwa, xa ndithethayo; Mna ndicinezelekile kunene. |
| 11. | Ndathi mna ekuphakuzeleni kwam, Bonke abantu ngamaxoki. |
| 12. | Ndingambuyisela ngantoni na uYehova Konke ukundiphatha kwakhe kakuhle? |
| 13. | Ndophakamisa indebe yosindiso, Ndinqule igama likaYehova. |
| 14. | Ewe, ndozizalisa izibhambathiso zam kuYehova, Phambi kwabantu bakhe bonke kalokunje. |
| 15. | Kunqabile emehlweni kaYehova Ukufa kwakhakhe benceba. |
| 16. | Okunene, Yehova, ndingumkhonzi wakho, Ndingumkhonzi wakho, unyana womkhonzazana wakho; Uzicombulule iimbophelelo zam. |
| 17. | Ndiya kubingelela kuwe umbingelelo wombulelo, Ndinqule igama likaYehova. |
| 18. | Ewe, ndiya kuzizalisa izibhambathiso zam kuYehova, Phambi kwabantu bakhe bonke, |
| 19. | Ezintendelezweni zendlu kaYehova, Esazulwini sakho, Yerusalem. Haleluya! |
| ← Psalms (116/150) → |