Psalms (114/150)  

1. Ekuphumeni kukaSirayeli eYiputa, Kwendlu kaYakobi ebantwini abantetho ingaziwayo,
2. UYuda waba yingcwele yakhe, USirayeli waba sisikumkani sakhe.
3. Ulwandle lwabona, lwasaba, IYordan yabuya umva.
4. Iintaba zadloba njengeenkunzi zeegusha; Iinduli, njengamatakane omhlambi.
5. Ubunani na, lulwandlendini, ukuba usabe? Wena Yordan, ukuba ubuye umva?
6. Nina zintaba, ukuba nidlobe njengeenkunzi zeegusha? Nina zinduli, njengamatakane omhlambi?
7. Wena hlabathi, zibhijabhije ebusweni beNkosi, Ebusweni boThixo kaYakobi;
8. Uloguqula iliwa libe lidike lamanzi, Iqhwitha libe yimithombo yamanzi.

  Psalms (114/150)