| ← Psalms (113/150) → |
| 1. | Haleluya! Dumisani, bakhonzi bakaYehova, Dumisani igama likaYehova. |
| 2. | Malibongwe igama likaYehova, Kususela ngokunje, kude kuse ephakadeni. |
| 3. | Kwasekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo, Malidunyiswe igama likaYehova. |
| 4. | Uphakamile ngaphezu kweentlanga zonke uYehova, Bungaphezulu kwamazulu ubuqaqawuli bakhe. |
| 5. | Ngubani na onjengoYehova, uThixo wethu? Ulohlala phezulu; |
| 6. | Uloqondela phantsi; Ezulwini nasemhlabeni? |
| 7. | Ulomvusa eluthulini osweleyo, Ulomphakamisa ezaleni olihlwempu, |
| 8. | Ukuba amhlalise namanene, Amanene abantu bakhe; |
| 9. | Ulohlalisa endlwini umfazi ongazaliyo, Abe ngunobantwana ovuyayo. Haleluya! |
| ← Psalms (113/150) → |