Psalms (113/150)  

1. Haleluya! Dumisani, bakhonzi bakaYehova, Dumisani igama likaYehova.
2. Malibongwe igama likaYehova, Kususela ngokunje, kude kuse ephakadeni.
3. Kwasekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo, Malidunyiswe igama likaYehova.
4. Uphakamile ngaphezu kweentlanga zonke uYehova, Bungaphezulu kwamazulu ubuqaqawuli bakhe.
5. Ngubani na onjengoYehova, uThixo wethu? Ulohlala phezulu;
6. Uloqondela phantsi; Ezulwini nasemhlabeni?
7. Ulomvusa eluthulini osweleyo, Ulomphakamisa ezaleni olihlwempu,
8. Ukuba amhlalise namanene, Amanene abantu bakhe;
9. Ulohlalisa endlwini umfazi ongazaliyo, Abe ngunobantwana ovuyayo. Haleluya!

  Psalms (113/150)