| ← Psalms (111/150) → | 
| 1. | Haleluya! Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yonke, Elucweyweni lwabathe tye nasebandleni. | 
| 2. | Zikhulu izenzo zikaYehova, Zezokungxokwa iintsingiselo zazo zonke. | 
| 3. | Unendili nobungangamela umsebenzi wakhe, Ubulungisa bakhe bumi ngonaphakade. | 
| 4. | Uyenzele ukuze ikhunjulwe imisebenzi yakhe ebalulekileyo; Unobabalo nemfesane uYehova. | 
| 5. | Ubaphe ukudla abamoyikayo; Uwukhumbule ngonaphakade umnqophiso wakhe. | 
| 6. | Ubabonise abantu bakhe amandla ezenzo zakhe, Ebanika ilifa leentlanga. | 
| 7. | Izenzo zezandla zakhe ziyinyaniso nesiko; Zithembekile zonke iziyalezo zakhe. | 
| 8. | Zizimasekile nanini nangonaphakade; Zenziwe ngenyaniso, zithe tye. | 
| 9. | Ubathumele abantu bakhe inkululeko; Uwumisele ngonaphakade umnqophiso wakhe; Lingcwele, liyoyikeka, igama lakhe. | 
| 10. | Ingqalo yobulumko kukoyika uYehova, Banengqiqo elungileyo bonke abenza ngako; Indumiso yakhe ihlala imi. | 
| ← Psalms (111/150) → |