| ← Psalms (109/150) → |
| 1. | Kumongameli; ekaDavide. Umhobe. Thixo wendumiso yam, musa ukuthi tu; |
| 2. | Ngokuba bandakhamisele umlomo ongendawo, nomlomo onenkohliso; Bathetha ngam ngolwimi lobuxoki. |
| 3. | Bandijikele ngeentetho zentiyo; Balwa nam ngelize. |
| 4. | Ekubeni mna ndibathanda, bona bayandichasa, Ndibe mna ndithandaza. |
| 5. | Endaweni yobulungisa bandibuyekeza ngobubi; Ekubeni mna ndibathanda, bona bayandithiya. |
| 6. | Misa ongendawo, abe ngumveleli wakhe, Eme uSathana ngasekunene kwakhe. |
| 7. | Ekuthethweni kwetyala makaphume engongendawo, Nomthandazo wakhe ube sisono. |
| 8. | Imihla yakhe mayibe mbalwa, Mabuthatyathwe ngomnye ubuveleli bakhe. |
| 9. | Oonyana bakhe mababe ziinkedama, Nomkakhe abe ngumhlolokazi; |
| 10. | Babhadule bebhadula oonyana bakhe, becela, Bengqiba, bekude namanxuwa akowabo. |
| 11. | Umboleki-mali makakushwankathele konke anako, Abasemzini baphange ukuxelenga kwakhe. |
| 12. | Makungabikho wolulela nceba kuye, Kungabikho uzibabalayo iinkedama zakhe. |
| 13. | Izivela-mva zakhe mazibe zezokunqunyulwa, Igama lazo licinywe esizukulwaneni esizayo. |
| 14. | Mabukhunjulwe nguYehova ubugwenxa booyise, Singacinywa isono sonina. |
| 15. | Masibe phambi koYehova ngamaxesha onke, Akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo; |
| 16. | Ngenxa enokuba engakukhumbulanga ukwenza inceba, Etshutshise indoda elusizana, Elihlwempu, enentliziyo eyothukileyo, ukuba ayibulale. |
| 17. | Ewe, wathanda ukuqalekisa, kwamfikela; Akakufuna ukusikelela, kwakhwelela kude kuye. |
| 18. | Wambatha ukuqalekisa kwanga yingubo yakhe, Kwangena embilinini wakhe njengamanzi, Nanjengeoli emathanjeni akhe. |
| 19. | Makube njengengubo kuye, azithe wambu ngayo, Kube luqhwemesha, alunxibe amaxesha onke. |
| 20. | Nguwo lowo umvuzo wabandichasayo, ophuma kuYehova, Wabathetha okubi ngomphefumlo wam. |
| 21. | Ke wena Yehova, Nkosi, ndenzele ngenxa yegama lakho; Ngokokuba ilungile inceba yakho; ndihlangule. |
| 22. | Ngokuba ndilusizana, ndilihlwempu, Intliziyo yam ihlatyiwe phakathi kwam. |
| 23. | Ndinjengethunzi xa lolukayo, ndiyemka; Ndiphetshethwa njengenkumbi. |
| 24. | Amadolo am ayagexa kukuzila ukudla, Nenyama yam ibhityile, tu ukutyeba. |
| 25. | Ndithe ndasisingcikivo kubo; Bendibona, bahlunguzela intloko. |
| 26. | Ndincede, Yehova, Thixo wam, Ndisindise ngokwenceba yakho; |
| 27. | Bazi ukuba sisandla sakho eso, Ukuba kukwenza kwakho, Yehova. |
| 28. | Bayaqalekisa aba, uyasikelela wena; Besukile bema, baya kudana; uya kubuya yena umkhonzi wakho. |
| 29. | Abandichasayo baya kwambatha ihlazo, Bazithi wambu ukudana njengengubo yokwaleka. |
| 30. | Ndiya kubulela kakhulu kuYehova ngomlomo wam, Ndimdumise phakathi kwabaninzi; |
| 31. | Kuba emi ekunene kolihlwempu, Ukuba amsindise kwabawugwebayo umphefumlo wakhe. |
| ← Psalms (109/150) → |