Psalms (108/150)  

1. Ingoma. Umhobe kaDavide. Izimasekile intliziyo yam, Thixo, Ndiya kuvuma, ndibethe uhadi, Kwanozuko lwam.
2. Vukani, mrhubhe nohadi; Ndiya kusiphangela isifingo.
3. Ndiya kubulela kuwe phakathi kwezizwe, Yehova, Ndikubethele uhadi phakathi kwezizwe.
4. Ngokuba inkulu ngaphezu kwezulu inceba yakho, Yada yesa esibhakabhakeni inyaniso yakho.
5. Ziphakamise ngaphezu kwezulu, Thixo, Bube phezu kwehlabathi lonke ubuqaqawuli bakho.
6. Ukuze zihlangulwe iintanda zakho, Sindisa ngesandla sakho sokunene, undiphendule.
7. UThixo uthethe engcwele; mandivuyelele, Ndimabe uShekem, ndiyilinganisele intili yaseSukoti.
8. Ngowam uGiliyadi, ngowam uManase, UEfrayim sisigcina-ntloko sam, UYuda yintonga yam yommiselo;
9. UMowabhi sisitya sam sokuhlambela, Ndiyiphosa kuEdom imbadada yam; Ndiduma ngelamaFilisti.
10. Ngubani na owondisa emzini onqatyisiweyo, Ngubani na owondikhaphela kwaEdom?
11. Asinguwe na, Thixo, lo usihlambileyo? Akwaphuma, Thixo, nemikhosi yethu.
12. Sincede kumbandezeli wethu; Alunto yanto usindiso lomntu.
13. NgoThixo siya kweyisa, Abagqushe yena ababandezeli bethu.

  Psalms (108/150)