| ← Psalms (108/150) → |
| 1. | Ingoma. Umhobe kaDavide. Izimasekile intliziyo yam, Thixo, Ndiya kuvuma, ndibethe uhadi, Kwanozuko lwam. |
| 2. | Vukani, mrhubhe nohadi; Ndiya kusiphangela isifingo. |
| 3. | Ndiya kubulela kuwe phakathi kwezizwe, Yehova, Ndikubethele uhadi phakathi kwezizwe. |
| 4. | Ngokuba inkulu ngaphezu kwezulu inceba yakho, Yada yesa esibhakabhakeni inyaniso yakho. |
| 5. | Ziphakamise ngaphezu kwezulu, Thixo, Bube phezu kwehlabathi lonke ubuqaqawuli bakho. |
| 6. | Ukuze zihlangulwe iintanda zakho, Sindisa ngesandla sakho sokunene, undiphendule. |
| 7. | UThixo uthethe engcwele; mandivuyelele, Ndimabe uShekem, ndiyilinganisele intili yaseSukoti. |
| 8. | Ngowam uGiliyadi, ngowam uManase, UEfrayim sisigcina-ntloko sam, UYuda yintonga yam yommiselo; |
| 9. | UMowabhi sisitya sam sokuhlambela, Ndiyiphosa kuEdom imbadada yam; Ndiduma ngelamaFilisti. |
| 10. | Ngubani na owondisa emzini onqatyisiweyo, Ngubani na owondikhaphela kwaEdom? |
| 11. | Asinguwe na, Thixo, lo usihlambileyo? Akwaphuma, Thixo, nemikhosi yethu. |
| 12. | Sincede kumbandezeli wethu; Alunto yanto usindiso lomntu. |
| 13. | NgoThixo siya kweyisa, Abagqushe yena ababandezeli bethu. |
| ← Psalms (108/150) → |