| ← Psalms (107/150) → |
| 1. | Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. |
| 2. | Mabatsho abakhululwa bakaYehova, Awabakhululayo esandleni sombandezeli; |
| 3. | Wababutha emazweni, Empumalanga nasentshonalanga, Entla naselwandle. |
| 4. | Badinga entlango, endleleni esenkanga, la, Abafumana mzi wakuhlala. |
| 5. | Belambile, benxaniwe, Watyhafa phakathi kwabo umphefumlo wabo. |
| 6. | Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo, Wabahlangula ekucuthekeni kwabo; |
| 7. | Wabanyathelisa endleleni ethe tye, Ukuba baye kumzi wokuhlala. |
| 8. | Mabayibulele kuYehova inceba yakhe, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu! |
| 9. | Kuba ewuhluthisile umphefumlo otshobayo, Wawuzalisa ngokulungileyo umphefumlo olambileyo. |
| 10. | Behleli emnyameni nasethunzini lokufa, Bekhonkxwe yimbandezelo nasisinyithi, |
| 11. | Ngokuba bephikise amazwi kaThixo, Belitshitshisa icebo lOsenyangweni: |
| 12. | Wayithoba intliziyo yabo ngokubasebenzisa kanzima; Bakhubeka, akwabakho mncedi. |
| 13. | Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo; Wabasindisa ekucuthekeni kwabo. |
| 14. | Wabakhupha emnyameni nasethunzini lokufa, Waziqhawula iimbophelelo zabo. |
| 15. | Mabayibulele kuYehova inceba yakhe, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu! |
| 16. | Kuba ezaphule iingcango zobhedu, Wayixakaxa imivalo yesinyithi. |
| 17. | Abamathileyo, ngenxa yendlela yokukreqa kwabo, Nangenxa yobugwenxa babo, bacinezelwa; |
| 18. | Konke ukudla kwaba lisikizi kumphefumlo wabo, Bafika emasangweni okufa. |
| 19. | Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo, Wabasindisa ekucuthekeni kwabo. |
| 20. | Wathumela ilizwi lakhe, wabaphilisa, Wabasiza ezihogweni zabo. |
| 21. | Mabayibulele kuYehova inceba yakhe, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu! |
| 22. | Mababingelele imibingelelo yombulelo, Bancokole ngezenzo zakhe bememelela. |
| 23. | Abaya elwandle ngeenqanawa, Benze ishishini emanzini amaninzi, |
| 24. | Bazibona bona izenzo zikaYehova, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo enzulwini. |
| 25. | Watsho, wavusa umoya ovuthuzayo, Waphakamisa amaza ayo. |
| 26. | Banyuka basinga ezulwini, behla basinga emanzini enzonzobila; Umphefumlo wabo uthe amandla bububi. |
| 27. | Bathendeleka, bahexa njengenxila, Butshone bonke ubulumko babo. |
| 28. | Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo Wabakhupha ekucuthekeni kwabo. |
| 29. | Ukumisile ukuvuthuza, kwathi cwaka, Amaza ayo azola; |
| 30. | Bavuya ke, kuba edambile; Wabafikisa echwebeni abalilangazelelayo. |
| 31. | Mabayibulele kuYehova inceba yakhe, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu! |
| 32. | Mabamphakamise ebandleni labantu, Bamdumise embuthweni yamadoda amakhulu. |
| 33. | Uyenze imilambo yaba yintlango, Namathende amanzi aba ngumhlaba onxaniweyo; |
| 34. | Ilizwe elineziqhamo laba leletyuwa, Ngenxa yezinto ezimbi zabemi balo. |
| 35. | Uyenze intlango yaba lidike elinamanzi, Ilizwe elingumqwebedu laba ngamathende amanzi. |
| 36. | Wabahlalisa khona abalambileyo, Bamisa umzi wokuhlala. |
| 37. | Bahlwayela amasimi, batyala izidiliya, Bavelisa iziqhamo, baba nongeniselo. |
| 38. | Wabasikelela, banda kunene, Iinkomo zabo akazinciphisa. |
| 39. | Bancipha, basibekeka Ngokukhanyangwa bububi nesingqala. |
| 40. | Uwagalele ngendelo amanene, Wawadingisa enyanyeni, kungekho ndlela. |
| 41. | Walisa engxondeni ihlwempu, kude nengcinezelo, Walenzela imizalwana yanjengomhlambi. |
| 42. | Baya kubona abathe tye, bavuye, Bonke ubugqwetha buvale umlomo. |
| 43. | Lowo ulumkileyo makazigcine ezi ndawo, Azigqale iinceba zikaYehova. |
| ← Psalms (107/150) → |