Psalms (107/150)  

1. Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
2. Mabatsho abakhululwa bakaYehova, Awabakhululayo esandleni sombandezeli;
3. Wababutha emazweni, Empumalanga nasentshonalanga, Entla naselwandle.
4. Badinga entlango, endleleni esenkanga, la, Abafumana mzi wakuhlala.
5. Belambile, benxaniwe, Watyhafa phakathi kwabo umphefumlo wabo.
6. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo, Wabahlangula ekucuthekeni kwabo;
7. Wabanyathelisa endleleni ethe tye, Ukuba baye kumzi wokuhlala.
8. Mabayibulele kuYehova inceba yakhe, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
9. Kuba ewuhluthisile umphefumlo otshobayo, Wawuzalisa ngokulungileyo umphefumlo olambileyo.
10. Behleli emnyameni nasethunzini lokufa, Bekhonkxwe yimbandezelo nasisinyithi,
11. Ngokuba bephikise amazwi kaThixo, Belitshitshisa icebo lOsenyangweni:
12. Wayithoba intliziyo yabo ngokubasebenzisa kanzima; Bakhubeka, akwabakho mncedi.
13. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo; Wabasindisa ekucuthekeni kwabo.
14. Wabakhupha emnyameni nasethunzini lokufa, Waziqhawula iimbophelelo zabo.
15. Mabayibulele kuYehova inceba yakhe, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
16. Kuba ezaphule iingcango zobhedu, Wayixakaxa imivalo yesinyithi.
17. Abamathileyo, ngenxa yendlela yokukreqa kwabo, Nangenxa yobugwenxa babo, bacinezelwa;
18. Konke ukudla kwaba lisikizi kumphefumlo wabo, Bafika emasangweni okufa.
19. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo, Wabasindisa ekucuthekeni kwabo.
20. Wathumela ilizwi lakhe, wabaphilisa, Wabasiza ezihogweni zabo.
21. Mabayibulele kuYehova inceba yakhe, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
22. Mababingelele imibingelelo yombulelo, Bancokole ngezenzo zakhe bememelela.
23. Abaya elwandle ngeenqanawa, Benze ishishini emanzini amaninzi,
24. Bazibona bona izenzo zikaYehova, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo enzulwini.
25. Watsho, wavusa umoya ovuthuzayo, Waphakamisa amaza ayo.
26. Banyuka basinga ezulwini, behla basinga emanzini enzonzobila; Umphefumlo wabo uthe amandla bububi.
27. Bathendeleka, bahexa njengenxila, Butshone bonke ubulumko babo.
28. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo Wabakhupha ekucuthekeni kwabo.
29. Ukumisile ukuvuthuza, kwathi cwaka, Amaza ayo azola;
30. Bavuya ke, kuba edambile; Wabafikisa echwebeni abalilangazelelayo.
31. Mabayibulele kuYehova inceba yakhe, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
32. Mabamphakamise ebandleni labantu, Bamdumise embuthweni yamadoda amakhulu.
33. Uyenze imilambo yaba yintlango, Namathende amanzi aba ngumhlaba onxaniweyo;
34. Ilizwe elineziqhamo laba leletyuwa, Ngenxa yezinto ezimbi zabemi balo.
35. Uyenze intlango yaba lidike elinamanzi, Ilizwe elingumqwebedu laba ngamathende amanzi.
36. Wabahlalisa khona abalambileyo, Bamisa umzi wokuhlala.
37. Bahlwayela amasimi, batyala izidiliya, Bavelisa iziqhamo, baba nongeniselo.
38. Wabasikelela, banda kunene, Iinkomo zabo akazinciphisa.
39. Bancipha, basibekeka Ngokukhanyangwa bububi nesingqala.
40. Uwagalele ngendelo amanene, Wawadingisa enyanyeni, kungekho ndlela.
41. Walisa engxondeni ihlwempu, kude nengcinezelo, Walenzela imizalwana yanjengomhlambi.
42. Baya kubona abathe tye, bavuye, Bonke ubugqwetha buvale umlomo.
43. Lowo ulumkileyo makazigcine ezi ndawo, Azigqale iinceba zikaYehova.

  Psalms (107/150)