| ← Psalms (106/150) → | 
| 1. | Haleluya! Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. | 
| 2. | Ngubani na onokuzixela izenzo zobugorha bukaYehova, Onokuyivakalisa yonke indumiso yakhe? | 
| 3. | Hayi, uyolo lwabaligcinayo isiko, Lwabenza ubulungisa ngamaxesha onke! | 
| 4. | Ndikhumbule, Yehova, ekwenzeni kwakho isisa kubantu bakho; Ndiyelele ngosindiso lwakho, | 
| 5. | Ukuze ndibone inyhweba yabanyulwa bakho, Ndivuye ekuvuyeni kohlanga lwakho, Ndiqhayise kunye nelifa lakho. | 
| 6. | Sonile, thina noobawo; Senze ubugwenxa, senze okungendawo. | 
| 7. | Oobawo abayiqiqanga eYiputa imisebenzi yakho ebalulekileyo; Ababukhumbulanga ubuninzi beenceba zakho; Baphika elwandle, eLwandle oluBomvu. | 
| 8. | Wabasindisa ngenxa yegama lakhe, Ukuze abazise ubugorha bakhe. | 
| 9. | Walukhalimela uLwandle oluBomvu, loma, Wabahambisa emanzini anzongonzongo kwanga kusentlango. | 
| 10. | Wabasindisa esandleni sobathiyayo, Wabakhulula esandleni sotshaba. | 
| 11. | Amanzi abagubungela ababandezeli babo, Akwasala namnye kubo. | 
| 12. | Bakholwa ke ngamazwi akhe, Bayivuma indumiso yakhe. | 
| 13. | Kanti bahle bazilibala izenzo zakhe, Abalilinda icebo lakhe. | 
| 14. | Bakhanukile entlango, Bamlinga uThixo enkangala. | 
| 15. | Wabanika abakubizayo; Wathumela ukungcumbeka emphefumlweni wabo. | 
| 16. | Bamenzela umona uMoses eminqubeni, NoAron ongcwele kaYehova. | 
| 17. | Wavuleka umhlaba, wamginya uDatan, Waliselela ibandla lika-Abhiram; | 
| 18. | Umlilo walitshisa ibandla labo, Amalangatye abalenya abangendawo. | 
| 19. | Benza ithole eHorebhe, Baqubuda emfanekisweni otyhidiweyo. | 
| 20. | Balwananisa uzuko lwabo Ngento emilise okwenkomo edla utyani. | 
| 21. | Bamlibala uThixo, umsindisi wabo, Owenza imisebenzi emikhulu eYiputa; | 
| 22. | Imisebenzi ebalulekileyo ezweni lakwaHam, Imisebenzi eyoyikekayo eLwandle oluBomvu. | 
| 23. | Wathi uya kubatshabalalisa, Koko wesukayo uMoses, umnyulwa wakhe, Wema ethubeni phambi kwakhe, Ebuyisa ubushushu bakhe, ukuba angatshabalalisi. | 
| 24. | Balicekisa ilizwe elinqwenelekayo, Abakholwa lilizwi lakhe, | 
| 25. | Bakrokra ezintenteni zabo, Abaliphulaphula izwi likaYehova. | 
| 26. | Wabaphakamisela isandla sakhe, Wafungela ukuba abawise entlango; | 
| 27. | Ayiwise imbewu yabo phakathi kweentlanga, Abachithachithe emazweni. | 
| 28. | Bazibandakanya noBhahali-pehore, Badla imibingelelo yabafileyo, | 
| 29. | Bamqumbisa ngeentlondi zabo; Sagaleleka phakathi kwabo isibetho. | 
| 30. | Wesuka wema uPinehasi, walamla; Sathintelwa isibetho. | 
| 31. | Oko kwabalelwa kuye ekuthini bubulungisa Izizukulwana ngezizukulwana kude kuse ephakadeni. | 
| 32. | Bamqumbisa emanzini aseMeribha, Kwehla ububi kuMoses ngenxa yabo; | 
| 33. | Ngokuba bawuphikisa umoya wakhe, Waphololoza ke ngomlomo wakhe. | 
| 34. | Abazitshabalalisa izizwe, Awayethethe ngazo kubo uYehova; | 
| 35. | Baxubana neentlanga ezo, Bafunda izenzo zazo; | 
| 36. | Bakhonza izithixo zazo, Yaba sisirhintyelo kubo. | 
| 37. | Babingelela ngoonyana babo nangeentombi zabo kwiidemon; | 
| 38. | Baphalaza igazi elimsulwa, Igazi loonyana babo neleentombi zabo, Ababingelela ngabo kwizithixo zakwaKanan; Lahlanjelwa ilizwe ngamagazi. | 
| 39. | Baba ziinqambi ngezenzo zabo, Bahenyuza ngeentlondi zabo. | 
| 40. | Wavutha ke umsindo kaYehova kubantu bakhe, Laba lisikizi kuye ilifa lakhe. | 
| 41. | Wabanikela ezandleni zeentlanga, Balawulwa ngababathiyileyo. | 
| 42. | Zabaxina iintshaba zabo, Bathotyelwa phantsi kwezandla zazo. | 
| 43. | Zibe zininzi izihlandlo ebahlangula; Ke bona bamphikisa ngamaqhinga abo, Bonakala bubugwenxa babo. | 
| 44. | Noko ke wakunonelela ukubandezelwa kwabo, Akuva ukuhlahlamba kwabo. | 
| 45. | Wawukhumbula ngenxa yabo umnqophiso wakhe, Wazohlwaya ngenxa yobuninzi beenceba zakhe. | 
| 46. | Wabafumanisa imfesane Phambi kwabo bonke abaye bebathimbile. | 
| 47. | Sisindise, Yehova, Thixo wethu, Sibuthe ezintlangeni, Ukuze sibulele kwigama lakho elingcwele, Sizingce ngendumiso yakho. | 
| 48. | Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni. Mabathi bonke abantu, Amen. Haleluya! | 
| ← Psalms (106/150) → |