| ← Psalms (104/150) → |
| 1. | Mbonge uYehova, mphefumlo wam. Yehova, Thixo wam, umkhulu kakhulu; Wambethe indili nobungangamela. |
| 2. | Ulothi wambu ukukhanya njengengubo. Ulolaneka izulu njengelengalenga lentente; |
| 3. | Ulohlanganisa emanzini imiqadi yamagumbi akhe aphezulu; Ulowenza amafu inqwelo yakhe, Ulohamba ngamaphiko omoya; |
| 4. | Ulowenza izithunywa zakhe imimoya, Abalungiseleli bakhe umlilo olenyayo. |
| 5. | Waliseka ihlabathi phezu kwemimiso yalo, Ukuba lingashukunyiswa naphakade kanaphakade. |
| 6. | Waligubungela ngamanzi anzongonzongo njengesambatho, Ema amanzi phezu kweentaba. |
| 7. | Ekukhalimeni kwakho asaba, Ezwini lendudumo yakho abaleka buphuthuphuthu; |
| 8. | Kwenyuka iintaba, kwehla izihlambo, Aya kuloo ndawo ubuwasekele yona. |
| 9. | Wamisa umda ukuba angegqithi, Angabuye awugubungele umhlaba. |
| 10. | Ulothuma imithombo iye ezihlanjeni; Ihamba phakathi kweentaba; |
| 11. | Iseza zonke iinyamakazi zasendle; Amaesile asendle aqabula inxano lawo. |
| 12. | Kuhlala phezu kwayo iintaka zezulu, Zitsholoza phakathi kwamasebe; |
| 13. | Uloseza iintaba kumagumbi akhe aphezulu; Uyahlutha umhlaba ziziqhamo zezenzo zakho. |
| 14. | Ulontshulisela iinkomo utyani, Nomfuno wokunceda umntu; Ukuze kuphume isonka emhlabeni. |
| 15. | Iwayini iyivuyise intliziyo yomntu; Bukhazimle ubuso ngeoli, Isonka siyixhase intliziyo yomntu. |
| 16. | Iyahlutha imithi kaYehova, Imisedare yaseLebhanon awayityalayo, |
| 17. | Apho zakhela khona iintaka; Ingwamza, isemisipresini indlu yayo. |
| 18. | Iintaba zona ezo ziphakamileyo zezamagogo, Amawa azimela iimbila. |
| 19. | Inyanga wayenzela amaxesha ayo, Ilanga liyakwazi ukutshona kwalo. |
| 20. | Wenza ubumnyama wena, kube sebusuku, Ashukume ngabo onke amarhamncwa ehlathi. |
| 21. | Iingonyama ezintsha zigqumela ukuqwenga, Zifuna ukudla kwazo kuThixo. |
| 22. | Lakuthi chapha ilanga, ziyahlanganisana, Zibuthume ezikhundleni zazo. |
| 23. | Uyaphuma umntu aye emsebenzini wakhe Nasenkonzweni yakhe, ahlwise. |
| 24. | Hayi, ukuba zininzi izenzo zakho, Yehova! Zonke ziphela uzenze ngobululumko; Uzele umhlaba zizidalwa zakho. |
| 25. | Nalo ulwandle lulukhulu, lubanzi ngeenxa zombini; Kulapho kuzinambuzane zingenakubalwa, Ezincinane kwanezikhulu izinto eziphilileyo. |
| 26. | Kulapho kuhamba iinqanawa; Nango umnenga owawubumbela ukudlala kulo. |
| 27. | Zonke ezo nto ziphela zikhangele kuwe, Ukuba uzinike ukudla kwazo ngexesha elililo. |
| 28. | Uyazinika, ziyachola; Uyasivula isandla sakho, ziyahlutha kokulungileyo. |
| 29. | Uyabusithelisa ubuso bakho, ziyakhwankqiswa; Uyawuhlanganisa umoya wazo, ziphume umphefumlo, Zibuyele eluthulini lwazo. |
| 30. | Uthuma umoya wakho, ziyadalwa, Ubuhlaziye ubuso bomhlaba. |
| 31. | Ubuqaqawuli bukaYehova mabube ngunaphakade; UYehova makavuye ngezenzo zakhe; |
| 32. | Ulobheka emhlabeni, uzamazame; Uchukumisa iintaba, ziqhume. |
| 33. | Ndiya kuvuma kuYehova lo gama ndidla ubomi, Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingokhoyo. |
| 34. | Makube nencasa kuye ukucamngca kwam; Mna ndiya kuvuya ngoYehova. |
| 35. | Mabagqitywe ehlabathini aboni, Bangabi sabakho abangendawo. Mbonge uYehova, mphefumlo wam, Haleluya! |
| ← Psalms (104/150) → |