| ← Psalms (103/150) → |
| 1. | EkaDavide. Mbonge uYehova, mphefumlo wam, Ilibonge igama lakhe elingcwele into yonke engaphakathi kwam. |
| 2. | Mbonge uYehova, mphefumlo wam, Ungayilibali yonke impatho yakhe entle: |
| 3. | Uloxolela bonke ubugwenxa bakho; Ulophilisa zonke izifo zakho; |
| 4. | Ulokhulula ubomi bakho esihogweni, Akuthi jize ngenceba nemfesane; |
| 5. | Lo uwuzalisayo umlomo wakho ngento elungileyo, Buhlaziyeke ubutsha bakho njengobokhozi. |
| 6. | NguYehova umenzi wemisebenzi yobulungisa, Nezigwebo ngenxa yabacudisiweyo bonke; |
| 7. | Umazisi weendlela zakhe kuMoses, Wezenzo zakhe ezincamisayo koonyana bakaSirayeli. |
| 8. | Unemfesane enobabalo uYehova, Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba. |
| 9. | Akaphiki kuphele, Akawugcini umsindo ngonaphakade. |
| 10. | Akenzi kuthi ngokwezono zethu, Akasiphathi ngokobugwenxa bethu; |
| 11. | Ngokuba injengokuphakama kwezulu phezu komhlaba, Ukuba namandla, inceba yakhe kwabamoyikayo; |
| 12. | Kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga, Ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu; |
| 13. | Kunjengokusikwa yimfesane koyise kubantwana, Ukusikwa yimfesane kukaYehova kwabamoyikayo. |
| 14. | Ngokuba uyakwazi yena ukubunjwa kwethu, Ekhumbula ukuba siluthuli. |
| 15. | Hayi, umntu! Injengotyani imihla yakhe; Njengentyantyambo yasendle, kunjalo ukutyatyamba kwakhe. |
| 16. | Xa uthe umoya wadlula kuyo, ayibikho, Ingabi sazana nayo indawo yayo. |
| 17. | Ke yona inceba kaYehova ikwabamoyikayo, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, Nobulungisa bakhe bukoonyana boonyana; |
| 18. | Kwabawugcinileyo umnqophiso wakhe, Kwabazikhumbulayo iziyalezo zakhe ukuba bazenze. |
| 19. | UYehova uyizinzisile emazulwini itrone yakhe, Ubukumkani bakhe bulawula into yonke. |
| 20. | Mbongeni uYehova, nina zithunywa zakhe, Magorha omeleleyo, alenzayo ilizwi lakhe, Ephulaphula isandi selizwi lakhe. |
| 21. | Mbongeni uYehova, nonke mikhosi yakhe, Balungiseleli bakhe, benzi bokuthanda kwakhe. |
| 22. | Mbongeni uYehova, nonke zenzo zakhe, Ezindaweni zonke zobukumkani bakhe. Mbonge uYehova, mphefumlo wam. |
| ← Psalms (103/150) → |