| ← Psalms (101/150) → |
| 1. | EkaDavide. Umhobe. Ndiya kuvuma ngenceba nangomgwebo; Ndiya kukubethela uhadi, Yehova. |
| 2. | Ndiya kuqiqa indlela yengqibelelo; Uya kuza nini na kum? Ndiya kuhamba ngengqibelelo yentliziyo yam Phakathi kwendlu yam. |
| 3. | Andiyi kubeka phambi kwamehlo am Nto inobutshijolo. Ukwenza ngokunxaxha ndikuthiyile, Akuyi kunamathela kum. |
| 4. | Intliziyo ejibilizayo iya kukhwelela kude kum; Into embi andiyi kuyazi. |
| 5. | Omhlebayo ummelwane wakhe ngasese, Lowo ndiya kumbhangisa. Omehlo aqwayingileyo, ontliziyo igungubeleyo, Lowo andinakumthwala. |
| 6. | Amehlo am akwabanyanisayo ezweni, Ukuba bandiphahle; Ohamba ngendlela yengqibelelo, Lowo makandilungiselele. |
| 7. | Akayi kuhlala phakathi kwendlu yam Owenza inkohliso; Othetha ubuxoki akayi kuqina Phambi kwamehlo am. |
| 8. | Imiso ngemiso, ndiya kubabhangisa Bonke abangendawo belizwe, Ukuze ndibanqumle emzini kaYehova Bonke abasebenzi bobutshinga. |
| ← Psalms (101/150) → |