Psalms (101/150)  

1. EkaDavide. Umhobe. Ndiya kuvuma ngenceba nangomgwebo; Ndiya kukubethela uhadi, Yehova.
2. Ndiya kuqiqa indlela yengqibelelo; Uya kuza nini na kum? Ndiya kuhamba ngengqibelelo yentliziyo yam Phakathi kwendlu yam.
3. Andiyi kubeka phambi kwamehlo am Nto inobutshijolo. Ukwenza ngokunxaxha ndikuthiyile, Akuyi kunamathela kum.
4. Intliziyo ejibilizayo iya kukhwelela kude kum; Into embi andiyi kuyazi.
5. Omhlebayo ummelwane wakhe ngasese, Lowo ndiya kumbhangisa. Omehlo aqwayingileyo, ontliziyo igungubeleyo, Lowo andinakumthwala.
6. Amehlo am akwabanyanisayo ezweni, Ukuba bandiphahle; Ohamba ngendlela yengqibelelo, Lowo makandilungiselele.
7. Akayi kuhlala phakathi kwendlu yam Owenza inkohliso; Othetha ubuxoki akayi kuqina Phambi kwamehlo am.
8. Imiso ngemiso, ndiya kubabhangisa Bonke abangendawo belizwe, Ukuze ndibanqumle emzini kaYehova Bonke abasebenzi bobutshinga.

  Psalms (101/150)