| ← Psalms (100/150) → |
| 1. | Umhobe wombingelelo wokubulela. Dumani kuYehova, nonke hlabathi. |
| 2. | Mkhonzeni uYehova nivuya; Yizani phambi kwakhe nimemelela. |
| 3. | Yazini ukuba uYehova nguThixo yena; Wasenza yena, asisithi; Singabantu bakhe nezimvu ezaluswa nguye. |
| 4. | Ngenani emasangweni akhe nibulela, Ezintendelezweni zakhe nidumisa; Bulelani kuye, bongani igama lakhe. |
| 5. | Ngokuba uYehova ulungile, Inceba yakhe ingunaphakade, Ukunyaniseka kwakhe kukwizizukulwana ngezizukulwana. |
| ← Psalms (100/150) → |