Psalms (100/150)  

1. Umhobe wombingelelo wokubulela. Dumani kuYehova, nonke hlabathi.
2. Mkhonzeni uYehova nivuya; Yizani phambi kwakhe nimemelela.
3. Yazini ukuba uYehova nguThixo yena; Wasenza yena, asisithi; Singabantu bakhe nezimvu ezaluswa nguye.
4. Ngenani emasangweni akhe nibulela, Ezintendelezweni zakhe nidumisa; Bulelani kuye, bongani igama lakhe.
5. Ngokuba uYehova ulungile, Inceba yakhe ingunaphakade, Ukunyaniseka kwakhe kukwizizukulwana ngezizukulwana.

  Psalms (100/150)