| ← Psalms (10/150) → |
| 1. | Yini na ukuba umele mgama, Yehova, Uzifihle ngamaxesha engxingongo? |
| 2. | Ngokukratsha kwabangendawo bayatsha abaziintsizana; Babanjiswa ngamayelenqe abawacingileyo. |
| 3. | Ngokuba ongendawo uyaqhayisa ngeminqweno yomphefumlo wakhe. Nolibawa wahlukene noYehova, wamgiba. |
| 4. | Ongendawo ngobuchi bakhe uthi, Akasayi kubuza. Yonke iminkqangiyelo yakhe ithi, Akukho Thixo. |
| 5. | Ziqinile iindlela zakhe ngamaxesha onke; Ziphakamile izigwebo zakho, zikude kuye; Bonke ababandezeli bakhe uyabafuthela. |
| 6. | Uthi entliziyweni yakhe, Andisayi kushukunyiswa; Izizukulwana ngezizukulwana, ndingongayi kuba sebubini. |
| 7. | Umlomo wakhe uzele kukushwabula nokukhohlisa nokuxinezela. Ngaphantsi kolwimi lwakhe bububi nobutshinga. |
| 8. | Uhlala emilaleleni yeengqili, Agwinte omsulwa entsithelweni; Amehlo akhe azonda oludwayi. |
| 9. | Ulalela entsithelweni njengengonyama eludadeni wayo; Ulalela ukuba axwile emke nosizana; Uxwila emke nolusizana, elutsala ngomnatha wakhe. |
| 10. | Uyabuthuma, uyabunguzela, Bawele ezinzitsheni zakhe abaziindwayi. |
| 11. | Uthi entliziyweni yakhe, UThixo ulibele, Ubusithelisile ubuso bakhe, akabonanga nento. |
| 12. | KhawusukÂ’ ume, Yehova, phakamisa isandla sakho, Thixo. Musa ukubalibala abalulamileyo. |
| 13. | Kungenxa yani na ukuba ongendawo amgibe uThixo, Athi entliziyweni yakhe, Akuyi kubuza? |
| 14. | Ubonile wena; ngokuba uyabubona ububi nenkathazo, ububeke esandleni sakho; Uzinikela kuwe oludwayi; Ungumncedi weenkedama wena. |
| 15. | Yaphula ingalo yongendawo; Onobubi, mbuze okungendawo kwakhe, kungasali nento. |
| 16. | UYehova nguKumkani ngonaphakade kanaphakade; Zitshabalele iintlanga, azabakho ehlabathini lakhe. |
| 17. | Umnqweno wabalulamileyo uwuvile, Yehova; Wazizimasa iintliziyo zabo, wayibaza indlebe yakho, |
| 18. | Ukuba ugwebe ityala lenkedama noxinzelelweyo, Angabi sabangcangcazelisa umntu wasehlabathini. |
| ← Psalms (10/150) → |