Psalms (1/150)  

1. Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo, Ongemiyo endleleni yaboni, Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki!
2. Yena unonelela umyalelo kaYehova; Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku:
3. Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, Ogqabi lawo lingabuniyo; Konke akwenzayo kophumelela.
4. Abanjalo abangendawo; Bona banjengomququ ophetshethwa ngumoya.
5. Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni, Naboni ebandleni lamalungisa.
6. Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa; Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka.

      Psalms (1/150)