| ← Proverbs (8/31) → |
| 1. | Abumemezi na ubulumko? Nengqondo ayilikhuphi na ilizwi layo? |
| 2. | Emantloko eendawo eziphezulu ngasendleleni, Ekuhlanganeni kweendlela, buzimisile. |
| 3. | Ngasemasangweni, ekuphumeni kuso isixeko, Ekungeneni eminyango, buyamemelela, buthi: |
| 4. | Ndimemeza kuni, madoda; Izwi lam ndilisingisa koonyana babantu. |
| 5. | Buqondeni ubuqili, ziyatha; Yiqondeni intliziyo, zinyabi. |
| 6. | Yivani, kuba ndithetha izinto zobuhlalu, Nokuvula imilebe yomlomo wam kuthe tye. |
| 7. | Ngokuba umlomo wam uxela inyaniso; Okungendawo kulisikizi emilebeni yomlomo wam. |
| 8. | Yonke intetho yomlomo wam isebulungiseni; Kuyo akukho kubhijeneyo nokujibilizayo. |
| 9. | Yonke iphela ithe gca konengqondo, Ithe tye kwabafumene ukwazi. |
| 10. | Yamkelani uqeqesho lwam, ningamkeli silivere; Yamkelani ukwazi ngaphezu kwegolide embiweyo, enyuliweyo. |
| 11. | Kuba ubulumko bulungile ngaphezu kwekorale, Neento zonke ezinqwenelwayo azilingani nabo. |
| 12. | Mna, bulumko, ndakhele ebuqilini; Ndinokukufumana ukuyazi iminkqangiyelo. |
| 13. | Ukoyika uYehova kukuthiya into embi: Ikratshi nokukratsha, nendlela embi, Nomlomo onempenduka, ndiwuthiyile. |
| 14. | Likum icebo nozimaso; Ndiyingqondo, bobam ubugorha. |
| 15. | Ookumkani banobukumkani ngam; Nezidwangube zimisa ubulungisa ngam. |
| 16. | Bathethela ngam abathetheli, Namanene, nabagwebi bonke behlabathi. |
| 17. | Abandithandayo ndiyabathanda nam; Nabandifunayo kwakusasa bayandifumana. |
| 18. | Bunam ubutyebi nozuko, Ubuncwane obusisimakade nobulungisa. |
| 19. | Silungile isiqhamo sam ngaphezu kwegolide embiweyo, nakwengcwengekileyo; Lulungile ungeniselo lwam ngaphezu kwesilivere enyuliweyo. |
| 20. | Ndihamba ngomendo wobulungisa, Phakathi kweendlela ezisesikweni; |
| 21. | Ukuze abandithandayo ndibadlise ilifa elililo, Ndizizalise izindlu zabo zobuncwane. |
| 22. | UYehova wandivelisa ndaba yintlahlela yendlela yakhe, Ndaba ngowamandulo emisebenzini yakhe yakudala. |
| 23. | Ndamiswa kwasephakadeni, kwasentloko, Kwasemandulweni ehlabathi. |
| 24. | Ndazalwa kungekabikho manzi anzongonzongo, Kungekabikho mithombo inzima ngamanzi. |
| 25. | Ndazalwa kungekafakwa ntaba, Naphambi kweenduli; |
| 26. | Engekawenzi umhlaba namaphandle, Nothuli lonke lwelimiweyo. |
| 27. | Ekulilungiseni kwakhe izulu, ndandikho apho; Ekubuzungulezeni kwakhe ngomda ubuso bamanzi anzongonzongo; |
| 28. | Ekusiqiniseni kwakhe isibhakabhaka phezulu; Ekugalelekeni kwemithombo yamanzi anzongonzongo; |
| 29. | Ekulumiseleni kwakhe ulwandle umda walo, Ukuba amanzi angawugqithi umthetho wakhe; Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi: |
| 30. | Ndaye ndinaye, ndiyingcibi yomsebenzi, Ndiziyolisa ngokwam iimini ngeemini; |
| 31. | Ndidlala phambi kwakhe ixesha lonke, Ndidlala kwelimiweyo ihlabathi lakhe; Nokuziyolisa kwam kukoonyana babantu. |
| 32. | Ke ngoko, bonyana, ndiveni; Hayi, uyolo lwabazigcinayo iindlela zam! |
| 33. | Yivani uqeqesho, nibe nobulumko, Ningaluyeki. |
| 34. | Hayi, utolo lomntu ondivayo, Elinde ezingcangweni zam iimini ngeemini, Egcine emigubasini yeminyango yam! |
| 35. | Kuba ofumana mna, ufumene ubomi; Uzuze okukholekileyo kuYehova. |
| 36. | Ophosana nam wona owakhe umphefumlo; Bonke abandithiyayo bathanda ukufa. |
| ← Proverbs (8/31) → |