| ← Proverbs (7/31) → |
| 1. | Nyana wam, gcina intetho yam, Uyiqwebele kuwe imithetho yam. |
| 2. | Gcina imithetho yam, udle ubomi; Nesiyalo sam, njengokhozo lweliso lakho. |
| 3. | Yibophe eminweni yakho, Yibhale emacwecweni entliziyo yakho. |
| 4. | Yithi kubulumko, Ungudade wethu; Uthi, Ingqondo sisihlobo; |
| 5. | Ukuze ugcinwe kumkamntu, Kowolunye uhlanga, ontetho igudileyo. |
| 6. | Kuba ngefestile yendlu yam, Ndingasemva kwenqwanqwa, ndalunguza; |
| 7. | Ndabona phakathi kweziyatha, Ndaqonda phakathi kwamadodana, Umfana oswele intliziyo; |
| 8. | Ehambahamba esesitratweni, kufuphi nekhumbi lendlu yomkamntu, Enyathela ngendlela ngasendlwini yakhe; |
| 9. | Ngongcwalazi, ukumka komhla, Naphakathi kobusuku esithokothokweni. |
| 10. | Nanko umfazi emkhawulela, Enengubo yehenyukazi, enentliziyo enobuqhetseba. |
| 11. | Uyaphithizela, uyinjubaqa; Azihlali endlwini yakhe iinyawo zakhe. |
| 12. | Uthi ephandle, abe esezitratweni, Alale kufuphi neembombo zonke. |
| 13. | Wambamba ke, wamanga, Wayingwanyalala ubuso; wathi kuye, |
| 14. | Imibingelelo yoxolo ibiphezu kwam, Namhla ndizizalisile izibhambathiso zam. |
| 15. | Ngenxa yoko ndiphume ndeza kukukhawulela, Ndihle ndakufuna ubuso bakho; ndikufumene ke. |
| 16. | Umandlalo wam ndiwandlele ngemiqamelo, Ngeengubo ezimfakamfele zoluko lwaseYiputa; |
| 17. | Ndisifefe isilili sam Ngemore, nehaloti, nesinamon. |
| 18. | Yize ke sizikholise ngezincokoliso kude kuse, Sizidlamkise ngothando. |
| 19. | Kuba indoda ayikho ekhaya, Ihambe uhambo olude; |
| 20. | Iphethe ingxowa yemali; Yobuya ngosuku lokuhlangana kwenyanga ukuza ekhaya. |
| 21. | Wamthi gu bucala ngobuninzi bobuciko bakhe, Wamwexula ngokumcenga kwakhe. |
| 22. | Wamlandela ke ngesiquphe, Njengenkomo isiya ekuxhelweni, Njengesimathane sisiya kuqinwa ngamakhamandela, |
| 23. | Njengentaka ikhawulezela esibatheni; Ingazi ukuba oko kuyingozi kumphefumlo wayo, Lude utolo lusicande isibindi sakhe. |
| 24. | Ke ngoko, bonyana, ndiphulaphuleni, Niyibazele indlebe intetho yomlomo wam. |
| 25. | Intliziyo yakho mayinganxaxheli ezindleleni zakhe, Ungandwendweli emendweni wakhe. |
| 26. | Kuba zininzi iingxwelerha aziwisileyo; Linani elikhulu alibuleleyo. |
| 27. | Iziindlela zelabafileyo indlu yakhe, Zihla ziye ezingontsini zokufa. |
| ← Proverbs (7/31) → |