| ← Proverbs (6/31) → |
| 1. | Nyana wam, ukuba uthe wammela ummelwane wakho, Wabambana nomnye ngesandla: |
| 2. | Urhintyelwe ngentetho yomlomo wakho, Uthiwe hlasi ngentetho yomlomo wakho. |
| 3. | Yenza le nto ngoku, nyana wam, uzihlangule; Kuba uzifake esandleni sommelwane wakho; Yiya, ziwise phantsi, umzame ummelwane wakho. |
| 4. | Musa ukuwanika ubuthongo amehlo akho, Ungaziniki kozela iinkophe zakho; |
| 5. | Zihlangule esandleni njengebhadi, Njengentaka esandleni somthiyeli. |
| 6. | Yiya embovaneni, vilandini; Khangela iindlela zayo, ulumke: |
| 7. | Yona ithi, ingenamphathi, Namongameli, namlawuli, |
| 8. | Isuke isilungise isonka sayo ehlotyeni, Ikubuthe ukudla kwayo ngexa lokuvuna. |
| 9. | Kunini na ulele, vilandini? Uya kuvuka nini na ebuthongweni bakho? |
| 10. | Xa uthe, Intwana yobuthongo, intwana yokozela, Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale: |
| 11. | Boza ubuhlwempu bakho njengomhambi, Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe. |
| 12. | Ngumntu olitshijolo, ngumntu okhohlakeleyo, Lowo uhamba ngokujibiliza komlomo wakhe; |
| 13. | Utyanda ngoshiyi, uqhubukusha ngeenyawo, Walatha ngophakathi wakhe. |
| 14. | Yimpenduka entliziyweni yakhe, uyila ububi ixesha lonke, Ungenisa ingxabano. |
| 15. | Ngenxa yoko kuya kufika ngesiquphe ukusindeka kwakhe; Uya kwaphuka ngephanyazo, angabi nakunyangwa. |
| 16. | Izinto ezintandathu uzithiyile uYehova, Ezisixhenxe zingamasikizi emphefumlweni wakhe: |
| 17. | Ngamehlo aqwayingayo; lulwimi oluxokayo; Zizandla eziphalaza igazi elimsulwa; |
| 18. | Yintliziyo eyila iingcinga zobutshinga; Ziinyawo ezikhawulezayo ukugidimela ebubini; |
| 19. | Lingqina elixokayo, elifutha amanga; Nongenisa ingxabano phakathi kwabangabazalwana. |
| 20. | Nyana wam, bamba umthetho kayihlo, Ungasilahli isiyalo sikanyoko. |
| 21. | Sibophe entliziyweni yakho okukanye, Usinxibe emqaleni wakho. |
| 22. | Ekuhambeni kwakho sokukhapha; Ekulaleni kwakho sokugcina; Ekuvukeni kwakho soncokola nawe. |
| 23. | Ngokuba usisibane umthetho, silukhanyiso isiyalo; Zinyindlela yobomi izohlwayo eziqeqeshayo; |
| 24. | Ukuba ugcinwe kumfazi onobubi, Ekugudeni kolwimi lowolunye uhlanga. |
| 25. | Musa ukubukhanuka ubunzwakazi bakhe ngentliziyo yakho, Angakubambisi ngeenkophe zakhe; |
| 26. | Kuba ngenxa yehenyukazi umntu uda adle kuphela intendana yesonka; Umkamntu uzingela umphefumlo onqabileyo. |
| 27. | Umntu unokuwuthabatha na umlilo ase esifubeni sakhe, Zingatshi na iingubo zakhe? |
| 28. | Unokuhamba na umntu phezu kwamalahle avuthayo, Zingatyabuki na iinyawo zakhe? |
| 29. | Unjalo ongena emfazini wommelwane wakhe; Akukho namnye umchukumisayo, oya kuba msulwa. |
| 30. | Alidelwa isela, xa lithe labela Ukwanelisa umphefumlo walo, xa lithe lalamba; |
| 31. | Lifunyenwe, lihlawula kasixhenxe, Lirhola bonke ubuncwane bendlu yalo. |
| 32. | Okrexeza umfazi ke uswele intliziyo; Owenza loo nto ngumonakalisi womphefumlo wakhe. |
| 33. | Ufumanana nobetho nocukucezo, Ungcikivo lwakhe alucimi. |
| 34. | Kuba ikhwele libubushushu bendoda, Ayiyi kuyeka ngemini yempindezelo. |
| 35. | Ayiyi kulubeka ucamagusho, nokuba luluphi na; Ayiyi kuvuma, naxa uthe wayicenga ngeento ezininzi. |
| ← Proverbs (6/31) → |