| ← Proverbs (5/31) → |
| 1. | Nyana wam, bubazele indlebe ubulumko bam, Ingqondo yam uyithobele indlebe yakho; |
| 2. | Ukuze ugcine iminkqangiyelo, Ulondoloze ukwazi umlomo wakho. |
| 3. | Ngokuba ivuza incindi yobusi imilebe yomlomo womkamntu, Libuthelezi ngaphezu kweoli ikhuhlangubo lakhe; |
| 4. | Ke ukuphela kwakhe kukrakra njengomhlonyane, Kubukhali njengekrele elintlangothi mbini. |
| 5. | Iinyawo zakhe zihla ziye ekufeni, Amabanga akhe abambelele kwelabafileyo. |
| 6. | Akangeze wahamba ngomendo wobomi; Imikhondo yakhe iyajikajika, engazi. |
| 7. | Ke ngoku, bonyana, ndiveni, Ningemki entethweni yomlomo wam. |
| 8. | Mayibe kude kuye indlela yakho, Ungasondeli emnyango wendlu yakhe; |
| 9. | Hleze uyinike abanye intlahla yakho, Uyinike isijorha iminyaka yakho; |
| 10. | Hleze kuhluthe abasemzini ngamandla akho, Kungene endlwini yowolunye uhlanga ukubulaleka kwakho; |
| 11. | Ugcume ekupheleni kwakho, Ekudlekeni kwenyama yakho nezihlunu zakho; |
| 12. | Uthi, Bendiluthiyeleni na uqeqesho, Yasigiba isohlwayo intliziyo yam? |
| 13. | Andaliphulaphula izwi labayali bam; Andayithobela indlebe yam kubafundisi bam! |
| 14. | Ndaphantsa ukuba sebubini bonke Esazulwini sesikhungu nebandla. |
| 15. | Sela amanzi kwelakho iqula, Nemiqukuqela yamanzi ephuma emthonjeni wakho. |
| 16. | Mayiphalale phandle imithombo yakho, Ibe yimijelo yamanzi ezitratweni. |
| 17. | Mayibe yeyakho, yeyakho wedwa, Ingabi yeyabangengabo abakowenu kunye nawe. |
| 18. | Malisikelelwe ithende lakho, Uvuye ngumfazi wobutsha bakho; |
| 19. | Makabe yimazi yexhama elithandekayo, neyegogo elihle; Amabele akhe akukholise ngamaxesha onke, Uyotywe luthando lwakhe kuphele. |
| 20. | Yini na, nyana wam, ukuba uyotywe ngumkamntu, Uwole isifuba sowolunye uhlanga? |
| 21. | Kuba iindlela zomntu ziphambi kwamehlo kaYehova, Ayilungelelanise imikhondo yakhe. |
| 22. | Ubugwenxa bakhe bumthi hlasi ongendawo, Abanjwe ziimbophelelo zesono sakhe. |
| 23. | Yena ufa kukuswela uqeqesho, Ayobe ebuninzini bokumatha kwakhe. |
| ← Proverbs (5/31) → |