| ← Proverbs (4/31) → |
| 1. | Luveni, bonyana, uqeqesho lukayihlo, Nizibaze iindlebe ukuze nikwazi ukuqonda. |
| 2. | Kuba ndininika imfundiso elungileyo; Musani ukuwushiya umyalelo wam. |
| 3. | Kuba ndandingunyana kubawo, Ndithambile, ndimnye phambi koma. |
| 4. | Wandiyala ke, wathi kum, Intliziyo yakho mayiwabambe amazwi am; Gcina imithetho yam, uphile, |
| 5. | Rhweba ubulumko, rhweba ingqondo; Musa ukulibala, ungathi gu bucala entethweni yomlomo wam. |
| 6. | Musa ukubushiya, bokugcina; Buthande, bokulondoloza. |
| 7. | Ingqalo yobulumko ithi, Rhweba ubulumko, Ngako konke ukurhweba kwakho urhwebe ingqondo. |
| 8. | Bunonelele, bokuphakamisa; Bokuzukisa, xa uthe wabuwola. |
| 9. | Boyinika intloko yakho isangqawe esihle, Bokupha isithsaba sokuhomba. |
| 10. | Yiva, nyana wam, uyamkele intetho yam, Iba mininzi kuwe iminyaka yobomi. |
| 11. | Ndikuyalele indlela yobulumko, Ndikunyathelise emkhondweni wokuthe tye. |
| 12. | Ekuhambeni kwakho akayi kuxinana amabanga akho; Nokuba uthe wagidima, akuyi kukhubeka. |
| 13. | Bambelela eluqeqeshweni, musa ukuluyeka; Lulondoloze, ngokuba lububomi bakho. |
| 14. | Musa ukungena emendweni wabangendawo, Unganyatheli endleleni yabanobubi. |
| 15. | Yiyeke; musa ukuya kugqitha kuyo; Yicezele, ugqithe. |
| 16. | Kuba abalali, ukuba abathanga benze ububi; Bemkelwa bubuthongo ukuba abathanga bakhubekise abanye. |
| 17. | Kuba badla isonka sokungendawo, Basele iwayini yogonyamelo. |
| 18. | Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso, Okuya kuba mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu. |
| 19. | Indlela yabangendawo injengesithokothoko; Abayazi into abakhubeka kuyo. |
| 20. | Nyana wam, wabazele indlebe amazwi am; Intetho yam yithobele indlebe yakho. |
| 21. | Mayingemki emehlweni akho; Yigcine entliziyweni yakho ngaphakathi. |
| 22. | Kuba ibubomi kwabayifumanayo, Nempiliso enyameni yabo yonke. |
| 23. | Nazintweni zonke zigcinwayo, londoloza intliziyo yakho; Kuba aphuma kuyo amathende obomi. |
| 24. | Kususe kuwe ukujibiliza komlomo, Nokuthi gu bucala komlomo kudedise kuwe. |
| 25. | Amehlo akho makakhangele athi gca, Neenkophe zakho zithi nzo kokuphambi kwakho. |
| 26. | Lungelelanisa umkhondo wonyawo lwakho, Zonke iindlela zakho zizimaseke. |
| 27. | Musa ukuthi gu bucala ngasekunene nangasekhohlo; Susa unyawo lwakho entweni embi. |
| ← Proverbs (4/31) → |