| ← Proverbs (3/31) → |
| 1. | Nyana wam, musa ukuwulibala umyalelo wam; Intliziyo yakho mayiyibambe imithetho yam; |
| 2. | Kuba iya kukongeza imihla emide, Neminyaka yobomi, noxolo. |
| 3. | Inceba nenyaniso mayingakushiyi; Zinxibe kuwe emqaleni; Zibhale elucwecweni lwentliziyo yakho, |
| 4. | Ubabalwe ube nengqiqo entle Emehlweni kaThixo nawabantu. |
| 5. | Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, Ungayami okwakho ukuqonda. |
| 6. | Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; Wowulungelelanisa umendo wakho. |
| 7. | Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo; Yoyika uYehova usuke entweni embi. |
| 8. | Ukuphila kobakho enkabeni yakho, Nokuqina emathanjeni akho. |
| 9. | Mzukise uYehova ngobuncwane bakho, Nangentlahlela yongeniselo lwakho lonke: |
| 10. | Ozala amaqonga akho bubuninzi, Nemikhombe yakho yokukhongozela iphuphume iwayini entsha. |
| 11. | Uqeqesho lukaYehova, nyana wam, musa ukulucekisa, Ungakruquki sisohlwayo sakhe; |
| 12. | Kuba lo amthandayo uYehova uyamohlwaya, Njengoyise esohlwaya unyana akholwayo nguye. |
| 13. | Hayi, uyolo lomntu ofumene ubulumko, Lomntu ozuze ingqondo! |
| 14. | Kuba lulungile urhwebo lwabo ngaphezu korhwebo lwesilivere, Nongeniselo lwabo ngaphezu kwegolide embiweyo. |
| 15. | Bunqabile bona ngaphezu kwekorale, Nezinto zakho zonke ezinqwenelekayo azilingani nabo. |
| 16. | Imihla emide isesandleni sabo sokunene, Kwesokhohlo sabo bubutyebi nozuko. |
| 17. | Iindlela zabo ziindlela ezimnandi, Wonke umendo wabo uluxolo. |
| 18. | Bungumthi wobomi kwababambelela kubo, Unoyolo obubambayo. |
| 19. | UYehova waliseka ihlabathi ngobulumko, Walizinzisa izulu ngengqondo. |
| 20. | Agqobhoka amanzi anzongonzongo ngokwazi kwakhe, Savuza umbethe isibhakabhaka. |
| 21. | Nyana wam, ezi nto mazingemki emehlweni akho: Londoloza uzimaso nomnkqangiyelo. |
| 22. | Zoba bubomi emphefumlweni, Nento entle emqaleni wakho. |
| 23. | Uya kwandula uhambe ngendlela yakho ukholosile. Lungabetheki unyawo lwakho. |
| 24. | Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya; Wolala, bube mnandi ubuthongo bakho. |
| 25. | Musa ukoyika lunkwantyiso luzayo ngesiquphe, Nasithonga sabangendawo, sakufika. |
| 26. | Kuba uYehova uya kuba yinqolonci yakho, Alugcine unyawo lwakho lungabanjiswa. |
| 27. | Musa ukwala nento elungileyo kolunge nayo, Kwakuba kusemandleni esandla sakho ukuyenza. |
| 28. | Musa ukuthi kummelwane wakho, Hamba, wobuya uze, Ndokunika ngomso; Kanti unayo. |
| 29. | Musa ukuyila ububi ngommelwane wakho, Ehleli nawe yena ekholosile. |
| 30. | Musa ukubambana nomntu kungekho nto, Engakuphathanga kakubi nje. |
| 31. | Musa ukuyimonela indoda egonyamelayo, Unganyuli nanye kwiindlela zayo. |
| 32. | Kuba othi gu bucala ulisikizi kuYehova; Ke lunabathe tye ucweyo lwakhe. |
| 33. | Ingqalekiso kaYehova isendlwini yongendawo; Ke isithili samalungisa uyasisikelela. |
| 34. | Ngokubhekisele kubagxeki, uyabagxeka; Ke abalulamileyo uyabababala. |
| 35. | Izilumko ziya kuludla ilifa uzuko; Ke izinyabi zamkela umrhumo wokucukucezwa. |
| ← Proverbs (3/31) → |