| ← Proverbs (27/31) → | 
| 1. | Musa ukuqhayisa ngemini yangomso; Kuba akukwazi okuya kuzalwa yimini. | 
| 2. | Mawudunyiswe ngomnye, ingabi ngowakho umlomo; Mayibe nguwumbi, ingabi yeyakho imilebe yomlomo. | 
| 3. | Linzima ilitye, ingumthwalo intlabathi; Ke yona ingqumbo yesimathane inzima kunezo nto zombini. | 
| 4. | Ubujorha bunobushushu, umsindo sisiphango; Nekhwele, ngubani na onokuma phambi kwalo? | 
| 5. | Kulungile ukohlwaywa ekuhleni Ngaphezu kothando olusitheleyo. | 
| 6. | Akholekile amanxeba omhlobo; Kodwa yingxungxu ukwanga kotshaba. | 
| 7. | Umphefumlo ohluthiyo ugqusha incindi yobusi; Umphefumlo olambileyo, yonke into ekrakra imnandi kuwo. | 
| 8. | Njengentaka ephekuziweyo endlwini yayo, Injalo indoda ephekuziweyo ekhayeni layo. | 
| 9. | Ioli nesiqhumiso sivuyisa intliziyo, Kwanobumnandi bomhlobo obuphuma ekucebiseni komphefumlo. | 
| 10. | Musa ukumlahla umhlobo wakho nomhlobo kayihlo; Ungangeni endlwini yomzalwana wakho ngemini yokusindeka kwakho; Ulungile ummelwane okufuphi, kunomzalwana okude. | 
| 11. | Yiba nobulumko, nyana wam, uyivuyise intliziyo yam; Ukuze ndimphendule ngezwi ondingcikivayo. | 
| 12. | Onobuqili uyabubona ububi, azimele; Ke zona iziyatha zigqitha kubo, zohlwaywe. | 
| 13. | Thabatha ingubo yakhe omele omnye; Menze isibambiso ngenxa yezinto zasemzini. | 
| 14. | Osikelela ummelwane wakhe ngezwi elikhulu, evuka kwakusasa, Kubalelwa ekuthini uyamtshabhisa. | 
| 15. | Uqhoqhozo oluxikileyo mini ngemvula, Nomfazi onengxabano, kuyafana; | 
| 16. | Omnqandayo, unqanda umoya; Isandla sakhe sokunene sihlangabezene neoli. | 
| 17. | Isinyithi silola isinyithi, Indoda ilola ubuso bowayo. | 
| 18. | Olondoloza umkhiwane wodla isiqhamo sawo; Ogcine inkosi yakhe wozukiswa. | 
| 19. | Emanzini, ubuso buyelelene nobuso; Injalo intliziyo yomntu kumntu. | 
| 20. | Elabafileyo nenzonzobila azinakuhlutha, Namehlo omntu akanakuhlutha. | 
| 21. | Ukhamba lolokunyibilikisa isilivere, iziko lelokunyibilikisa igolide. Nendoda iya ngokokudunyiswa kwayo. | 
| 22. | Nokuba uthe wasingqusha isimathane esingqushweni phakathi komngqusho ngentonga yokungqusha, Akuyi kusuka kuso ukumatha kwaso. | 
| 23. | Khuthalela ukubazi ubume bempahla yakho emfutshane, Yibhekise intliziyo yakho emihlambini yakho. | 
| 24. | Ngokuba ayingonaphakade ingqwebo; Nesithsaba sesezizukulwana ngezizukulwana, yini na? | 
| 25. | Sithe tshabalala nje isikhotha, kuvela uhlaza, Ihlanganisiwe imifuno yeentaba: | 
| 26. | Amatakane ngawokukwambesa, Ixabiso lentsimi ziinkunzi zeebhokhwe; | 
| 27. | Amasi eebhokhwe alingene ukudla kwakho, nokudla kwendlu yakho, Nokuphila komthinjana wakho. | 
| ← Proverbs (27/31) → |