| ← Proverbs (24/31) → |
| 1. | Musa ukubamonela abantu abanobubi; Ungakunqweneli ukuba uhlale nabo. |
| 2. | Kuba intliziyo yabo icamanga ukubhuqa, Nomlomo wabo uthetha ngokwaphula. |
| 3. | Indlu yona yakhiwa ngobulumko; Izinziswe ngengqondo; |
| 4. | Ngokwazi kuzaliswa amaqonga Bubuncwane bonke obunqabileyo nobumnandi. |
| 5. | Umfo osisilumko unamandla, Nendoda enokwazi ibonakalisa amandla amakhulu; |
| 6. | Ngokuba, ukhokelwe bubulumko, woba nako ukuzilwa iimfazwe zakho; Nosindiso lusebuninzini bamaphakathi. |
| 7. | Ubulumko bunqabile kwisimathane; Asiwuvuli umlomo waso esangweni. |
| 8. | Ocinga ngokwenza ububi, Lowo bathi ukumbiza nguMayelenqe. |
| 9. | Iyelenqe lesimathane sisono; Ulisikizi ebantwini umgxeki. |
| 10. | Uthe waphelelwa ngemini yembandezelo, Oba ebandezelwe amandla akho. |
| 11. | Hlangula abasiwa ekufeni; Nabajingxela baye ekubulaweni, khawubanqande. |
| 12. | Nokuba uthi, Yabona besingakwazi oko: Umlinganiseli weentliziyo yena akakuqondi na? Umgcini womphefumlo akakwazi na? Akayi kumbuyisela umntu ngokomsebenzi wakhe, yini na? |
| 13. | Yidla ubusi, nyana wam, kuba bulungile; Nencindi imnandi ekhuhlangubeni lakho. |
| 14. | Bazi ke ubulumko emphefumlweni wakho; Ukuba uthe wabufumana, kobakho ikamva, Linganqunyulwa ithemba lakho. |
| 15. | Wena ungendawo, musa ukulilalela ikhaya lelungisa, Ungasibhuqi isikhundla salo; |
| 16. | Kuba ilungisa liwa kasixhenxe, livuke; Ke abangendawo bakhubeka phantsi kwenkxwaleko. |
| 17. | Musa ukuvuya ekuweni kotshaba lwakho, Ingagcobi intliziyo yakho ekukhubekeni kwalo; |
| 18. | Hleze akubone uYehova, kube kubi emehlweni akhe, Awubuyise umsindo wakhe kulo. |
| 19. | Musa ukuvutha ngumsindo ngabenzi bobubi, Ungabamoneli abangendawo; |
| 20. | Kuba umenzi wobubi akayi kuba nakamva; Isibane sabangendawo siya kucinywa. |
| 21. | Nyana wam, moyike uYehova nokumkani, Ungazibandakanyi nabanokumbi; |
| 22. | Kuba kofika ngesiquphe ukusindeka kwabo; Ilishwa leminyaka yabo, ngubani na olaziyo? |
| 23. | Nala mazwi ngawezilumko: Ukukhetha ubuso ekugwebeni akulungile. |
| 24. | Othi kongendawo, Ulilungisa wena, Ziya kumqalekisa izizwe; ziya kumbhavumela iintlanga. |
| 25. | Kuya kuba mnandi kwabamohlwayayo; Kubo koza intsikelelo enokulungileyo. |
| 26. | Wanga imilebe yomlomo Ophendula ngamazwi athe gca. |
| 27. | Lilungise ishishini lakho phandle, Uzisebenzele entsimini yakho; Emveni koko wakhe indlu yakho. |
| 28. | Musa ukuba lingqina ngommelwane wakho ngaphandle kwesizathu; Ungasuka uthomalalise na nangomlomo wakho? |
| 29. | Musa ukuthi, Njengoko enze ngako kum, ndiya kwenjenjalo nam kuye, Ndiya kubuyisela indoda ngokomsebenzi wayo. |
| 30. | Ndagqitha entsimini yendoda elivila, Nasesidiliyeni somntu oswele ingqondo, |
| 31. | Ndafika simile imithuma sonke siphela; Ngaphezulu senile ngamarhawu, Nodonga lwaso lwamatye ludilikile. |
| 32. | Ndakhangela, ndasigqala ngentliziyo, Ndabona, ndamkela uqeqesho. |
| 33. | Ithi, Intwana yobuthongo, intwana yokozela, Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale: |
| 34. | Boza ubuhlwempu bakho njengomphangi; Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe. |
| ← Proverbs (24/31) → |