| ← Proverbs (23/31) → |
| 1. | Xa uthe wahlala phantsi, ukuba udle nomlawuli, Qonda uqonde lowo uphambi kwakho; |
| 2. | Ubeke isitshetshe emqaleni wakho, Ukuba ungumntu onombilini. |
| 3. | Musa ukuzinqwenela izidlo zakhe ezinencasa; Kukudla kwenkohliso. |
| 4. | Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi; Yeka okwakho ukuqonda. |
| 5. | Amehlo akho uya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje? Kuba bona buzenzela amaphiko, Buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini. |
| 6. | Musa ukudla ukudla koliso libi, Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa; |
| 7. | Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa unjalo yena; Uthi kuwe, Yidla usele, Ukanti intliziyo yakhe ayinawe; |
| 8. | Umthamo wakho owudlileyo uya kuwuhlanza, Ulahlekwe ngamazwi akho amnandi. |
| 9. | Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi; Ngokuba siya kuyidela ingqiqo yokukhuluma kwakho. |
| 10. | Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala; Ungangeni emasimini eenkedama; |
| 11. | Kuba umkhululi wazo womelele; Wobambana nawe yena ngobambano lwazo. |
| 12. | Yinikele intliziyo yakho eluqeqeshweni, Neendlebe zakho entethweni yokwazi. |
| 13. | Musa ukuluyeka uqeqesho emntwaneni; Ukuba uthe wambetha ngentonga akayi kufa. |
| 14. | Wombetha ngentonga, Uhlangule umphefumlo wakhe kwelabafileyo. |
| 15. | Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho. Yovuya intliziyo yam, kwaeyam lo, |
| 16. | Zidlamke izintso zam Ekuthetheni komlomo wakho okuthe tye. |
| 17. | Intliziyo yakho mayingabamoneli aboni; Ke mayizonde ukoyika uYehova imini yonke; |
| 18. | Inene, kukho ikamva, Nethemba lakho aliyi kunqunyulwa. |
| 19. | Yiva, wena nyana wam, ulumke, Uyinyathelise intliziyo yakho ithi gca endleleni. |
| 20. | Musa ukuba phakathi kwamasela-wayini, Naphakathi kwamadla-kudla; |
| 21. | Kuba isela-wayini nedla-kudla liyahlwempuzeka; Kona ukozela kwambesa amajacu. |
| 22. | Mphulaphule uyihlo, lowo wakuzalayo, Ungamdeli unyoko akuba mkhulu. |
| 23. | Thenga inyaniso, ungathengisi ngayo; Nobulumko, noqeqesho, nengqondo. |
| 24. | Ugcoba kakhulu uyise welungisa; Ozele isilumko uyavuya ngaso. |
| 25. | Makavuye uyihlo nonyoko, Agcobe umfazi owakuzalayo. |
| 26. | Ndinike intliziyo yakho, nyana wam, Amehlo akho akholiswe ziindlela zam. |
| 27. | Kuba sisihogo esinzulu ihenyukazi, Liqula elimxinwa umfazi wolunye uhlanga. |
| 28. | Ude alale njengesihange, Awandise amanginingini eluntwini. |
| 29. | Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano? Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu? Anabani na amehlo anozizi? |
| 30. | Anabo balibala ewayinini, Abangena bayiminyele iwayini ephithikeziweyo. |
| 31. | Musa ukuyikhangela iwayini, xa izenza ingqombela, Xa ibengezelayo endebeni, Xa ihla kamnandi; |
| 32. | Ukuphela kwayo iluma njengenyoka, Iluma njengerhamba. |
| 33. | Amehlo akho aya kubona izinto zasemzini, Intliziyo yakho ithethe impenduka; |
| 34. | Ube njengolele esazulwini solwandle, Nanjengolele encotsheni yemasti; |
| 35. | Uthi, Bandibetha, andeva ntlungu; Bandintlitha, andaba nanto ndiyaziyo; Ndiya kuvuka nini na? Ndiya kuphinda ke, ndiya kubuya ndiyifune. |
| ← Proverbs (23/31) → |