| ← Proverbs (21/31) → | 
| 1. | Yimijelo yamanzi intliziyo yokumkani esandleni sikaYehova; Uyibhekisa apho asukuba ethande khona. | 
| 2. | Zonke iindlela zendoda zithe tye kwawayo amehlo; Umlinganisi weentliziyo nguYehova. | 
| 3. | Ukwenza ubulungisa nokusesikweni Kunyulekile kuYehova ngaphezu kombingelelo. | 
| 4. | Ukuqwayinga kwamehlo, nokugungubala kwentliziyo, Kwanokukhubela kwabangendawo, kusisono. | 
| 5. | Iingcinga zabakhutheleyo zisingisa elungeniselweni lodwa; Konke ukungxama kusingisa entswelweni yodwa. | 
| 6. | Ukuzuza ubuncwane ngolwimi oluxokayo Ngumphunga ophephethekayo wabafuna ukufa. | 
| 7. | Ukubhuqa kwabangendawo kuyabaqweqwedisa; Ngokuba abavumi ukwenza okusesikweni. | 
| 8. | Iligoso-goso indlela yendoda enetyala; Ke yena ohlambulukileyo, umsebenzi wakhe uthe tye. | 
| 9. | Kulungile ukuhlala elungqamekweni oluphezu kwendlu, Kunokuhlala ndlwini-nye nomfazi onengxabano. | 
| 10. | Umphefumlo wongendawo unqwenela ububi; Amehlo akhe akambabali ummelwane wakhe. | 
| 11. | Ekuhlawulisweni komgxeki siyalumka isiyatha; Ekuqiqisweni kwaso, isilumko samkela ukwazi. | 
| 12. | Ilungisa liyayiqiqa indlu yongendawo. Libaphenulela ebubini abangendawo. | 
| 13. | Ovingca iindlebe zakhe ekukhaleni kwesisweli, Naye uya kubiza, angaviwa. | 
| 14. | Isipho entsithelweni sinqanda umsindo, Isicengo esondweni lengubo sinqanda umsindo onamandla. | 
| 15. | Kuluvuyo kwilungisa ukwenza okusesikweni; Kuqhiphula umbilini kubasebenzi bobutshinga. | 
| 16. | Umntu ondwendwayo, emke endleleni yengqiqo, Uya kuhlala esikhungwini sabafileyo. | 
| 17. | Othanda imigcobo uba yindoda esweleyo; Othanda iwayini neoli akabi sisityebi. | 
| 18. | Ongendawo lucamagusho ngenxa yelungisa; Inginingini lisesikhundleni sabathe tye. | 
| 19. | Kulungile ukuhlala ezweni eliyintlango, Kunokuhlala nomfazi onengxabano neengqumbo. | 
| 20. | Ubuncwane obunqwenelekayo neoli zisekhayeni lesilumko; Ke umntu osisinyabi uyaziginya azigqibe. | 
| 21. | Ophuthuma ubulungisa nenceba Wofumana ubomi nobulungisa nozuko. | 
| 22. | Isilumko siyaqabela emzini wamagorha, Siyiwise inqaba ekukholoswe ngayo. | 
| 23. | Ogcine umlomo wakhe nolwimi lwakhe Ugcina umphefumlo wakhe ezingxingongweni. | 
| 24. | Umkhukhumali oligagadele, ngumgxeki igama lakhe; Ngowenza ngokukhukhumala okuphuphumayo. | 
| 25. | Umnqweno wevila uyalibulala, Kuba izandla zalo azivumi kusebenza. | 
| 26. | Imini yonke linqwena linqwenile, Ke lona ilungisa liyapha lingavimbi. | 
| 27. | Umbingelelo wabangendawo lisikizi; Kobeka phi na ke bakuwuzisa ngenxa yamanyala! | 
| 28. | Ingqina elinamanga liyatshabalala; Ke yona indoda evayo ithetha kuphele. | 
| 29. | Indoda engendawo iyingwanyalala ubuso; Ngothe tye oyiqondayo indlela yakhe. | 
| 30. | Akukho bulumko, akukho ngqondo, Akukho cebo malungana noYehova. | 
| 31. | Ihashe lilungiselwa imini yokulwa, Ke usindiso lona lunoYehova. | 
| ← Proverbs (21/31) → |