| ← Proverbs (20/31) → | 
| 1. | Ingumgxeki iwayini, singumxokozeli isiselo esinxilisayo; Bonke abayotywe yiyo abalumkile. | 
| 2. | Ngumgqumo onjengowengonyama entsha umothuso wokumkani; Omqumbisayo wona umphefumlo wakhe. | 
| 3. | Kuluzuko endodeni ukuhlalela kude nengxabano; Ke zona izimathane zonke ziyavungama. | 
| 4. | Ebusika ivila alilimi; Liyafuna ngexa lokuvuna, kungabikho nto. | 
| 5. | Ngamanzi anzulu icebo entliziyweni yendoda, Kanti indoda enengqondo iyalirhola. | 
| 6. | Uninzi lwesintu luyayihlangabeza indoda enenceba kulo; Ke yona indoda enyanisileyo, ngubani na ongayifumanayo? | 
| 7. | Ohamba ngengqibelelo yakhe elilungisa, Hayi, uyolo loonyana bakhe emva kwakhe! | 
| 8. | Ukumkani, ehleli esihlalweni sokugweba, Uchithachitha ububi bonke ngamehlo akhe. | 
| 9. | Ngubani na ongathi, Ndiyiqaqambisile intliziyo yam, Ndihlambulukile esonweni sam? | 
| 10. | Amatye ngamatye, iiefa ngee-efa, Ngamasikizi kuYehova ezo nto zombini. | 
| 11. | Nenkwenkwe iyazazisisa ngeentlondi zayo, Nokuba kuqaqambile na, nokuba kuthe tye na, ukwenza kwayo. | 
| 12. | Indlebe evayo, neliso elibonayo, UYehova uzenzile ezo zinto zombini. | 
| 13. | Musa ukuthanda ubuthongo, hleze uhlwempuzeke; Vula amehlo akho, uhluthe kukudla. | 
| 14. | Imbi, imbi! utsho othengayo; Emke, andule aqhayise. | 
| 15. | Kukho igolide, neekorale ezininzi; Ke yona impahla enqabileyo ngumlomo onokwazi. | 
| 16. | Thabatha ingubo yakhe omele omnye; Menze isibambiso ngenxa yabasemzini. | 
| 17. | Sinencasa endodeni isonka sobuxoki; Ke emveni koko umlomo wayo uzala luhlalu. | 
| 18. | Iingcinga zizinyaswa yingcebiswano; Yilwa imfazwe unecebo elilungileyo. | 
| 19. | Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo; Ungadibani nepholopholo. | 
| 20. | Otshabhisa uyise nonina, Isibane sakhe sicima ebumnyameni phakathi. | 
| 21. | Ilifa elizuzwe buphuthuphuthu ekuqaleni, Ukuphela kwalo akunantsikelelo. | 
| 22. | Musa ukuthi, Ndiya kubuphindezela ububi; Thembela kuYehova, wokusindisa. | 
| 23. | Ngamasikizi kuYehova amatye ngamatye; Nesikali esikhohlisayo asilungile. | 
| 24. | Kuvela kuYehova ukunyathela kwendoda; Umntu angathini na ukuyiqonda indlela yakhe? | 
| 25. | Sisirhintyelo emntwini ukufumana athi, Ingcwele, Aze aqale emva kwesibhambathiso, aphicothe. | 
| 26. | Uchithachitha abangendawo ukumkani olumkileyo, Aguqulele phezu kwabo umlenze wenqwelo. | 
| 27. | Sisibane sikaYehova umphefumlo womntu, Siphengulula zonke iingontsi zombilini. | 
| 28. | Inceba nenyaniso ilondoloza ukumkani; Uyixhasa itrone yakhe ngenceba. | 
| 29. | Isihombo samadodana ngamandla awo; Ubuhle bamadoda amakhulu zizimvi. | 
| 30. | Imivumbo etyabulayo iguxa ububi; Izibetho ziguxa iingontsi zombilini. | 
| ← Proverbs (20/31) → |