| ← Proverbs (2/31) → |
| 1. | Nyana wam, ukuba uthe wazamkela iintetho zam, Wayiqwebela kuwe imithetho yam, |
| 2. | Ukuze uyibazele ubulumko indlebe yakho, Uyithobele ukuqonda intliziyo yakho; |
| 3. | Ewe, ukuba uthe wayibiza ingqondo, Walisa ekuqondeni ilizwi lakho; |
| 4. | Ukuba uthe wabufuna njengesilivere, Wabumba njengobutyebi obuselelweyo: |
| 5. | Uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, Ukufumane ukumazi uThixo, |
| 6. | Ngokuba uYehova upha ubulumko; Emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda. |
| 7. | Ubaqwebela uzimaso abathe tye, Uyingweletshetshe kwabahamba ngengqibelelo, |
| 8. | Ukuze alondoloze umendo wesiko, Agcine nendlela yabakhe benceba. |
| 9. | Uya kwandula uqonde ubulungisa, Nesiko, nokuthe tye, nayo yonke imikhondo yokulungileyo; |
| 10. | Kuba ubulumko buya kungena entliziyweni yakho, Ukwazi kwenze mnandi umphefumlo wakho. |
| 11. | Ukunkqangiyela kokugcina, Ukuqonda kokulondoloza; |
| 12. | Ukuba kukuhlangule endleleni embi, Kubantu abathetha impenduka; |
| 13. | Kwabashiya umendo wokuthe tye, Ukuze bahambe ngeendlela zobumnyama; |
| 14. | Kwabavuyela ukwenza ububi, Bagcobe ngeempenduka zabenza ububi; |
| 15. | Abamendo ujibilizayo, Abathi gu bucala ngemikhondo yabo; |
| 16. | Ukuze uhlangulwe kumkamntu, Kowolunye uhlanga, ontetho yakhe igudileyo; |
| 17. | Lowo ushiya ikholwane lobutsha bakhe, Awulibale umnqophiso woThixo wakhe. |
| 18. | Kuba utshona ekufeni nendlu yakhe, Nemikhondo yakhe itshonela kwabangasekhoyo; |
| 19. | Bonke abangenayo kuye ababuyi, Abafiki kumendo wobomi: |
| 20. | Ukuze uhambe ngendlela yabalungileyo, Ugcine umendo wamalungisa. |
| 21. | Ngokuba abathe tye baya kulima ilizwe, Basale kulo abagqibeleleyo, |
| 22. | Banqunyulwe ezweni abangendawo, Abanginizayo bancothulwe kulo. |
| ← Proverbs (2/31) → |