Proverbs (17/31)  

1. Iqhekeza elomileyo lesonka, kunye nokuchulumacha, lilungile Ngaphezu kwendlu ezele yimibingelelo, enembambano.
2. Umkhonzi onengqiqo uya kumlawula unyana owenza okuziintloni, Ahlule ilifa phakathi kwabazalwana.
3. Ukhamba lolokunyibilikisa isilivere; iziko lelokunyibilikisa igolide; Umcikidi weentliziyo nguYehova.
4. Onobubi uwubazela indlebe umlomo onenkohliso, Uphulaphula ubuxoki obuselulwimini olweyeliselayo.
5. Ogculela ihlwempu ungcikiva uMenzi walo; Ovuyela inkxwaleko akabi msulwa.
6. Isithsaba samadoda amakhulu ngoonyana boonyana; Isihombo soonyana ngooyise.
7. Ayisifanele isidenge intetho ekhukhumeleyo; Yobeka phi na ke ukungalifaneli inene intetho ebubuxoki.
8. Sililitye elinqabileyo emehlweni omninilo isicengo, Apho asukuba ebheka khona, wenza ngengqiqo.
9. Ugubungela isikreqo ofuna uthando; Ophinda ayithethe into wahlula amakholwane.
10. Ukukhalinyelwa kuyangena konengqondo Ngaphezu kwemivumbo elikhulu kosisinyabi.
11. Oneenkani ufuna ububi bodwa; Ngoko ke uthunyelwa umthunywa osisijorha.
12. Kanye qubisana nebhere ehluthwe amathole ayo, Ungaqubisani nesinyabi ekumatheni kwaso.
13. Obuyekeza okubi esikhundleni sokulungileyo, Abuyi kusuka ububi endlwini yakhe.
14. Kukuvulela amanzi ukuqala kwengxabano; Yiyeke imbambano kungekavunganyewana.
15. Omgwebelayo ongendawo, kwanoligwebayo ilungisa, Bangamasikizi kuYehova bobabini.
16. Lelokwenzani na inani elisesandleni sesinyabi, lokurhweba ubulumko, Singenantliziyo nje?
17. Umhlobo uthanda ngamaxesha onke; Umzalwana uzalelwe imbandezelo.
18. Umntu oswele intliziyo ngobambana nomnye ngesandla, Ngomela umelo phambi kowabo.
19. Uthanda ukreqo othanda ukulwa; Owuphakamisayo umnyango wakhe ufuna ukuqhekeka.
20. Ontliziyo ijibilizayo akayi kukufumana okulungileyo; Ophenduka ngolwimi lwakhe weyela ebubini.
21. Ozala isinyabi uzizalela isingqala; Akanaluvuyo uyise wesidenge.
22. Intliziyo evuyileyo iyalungisa, ichachise; Umoya odakumbileyo uyawomisa amathambo.
23. Ongendawo wamkela isicengo esivela esondweni lengubo, Ukuze agqwethe indlela esesikweni.
24. Ubuso bonengqondo bubheke ebulumkweni; Ke amehlo esinyabi asekupheleni kwehlabathi.
25. Ububuhlungu bukayise unyana osisinyabi; Ububukrakra kumzalikazi wakhe.
26. Akulungile ukuhlawulisa nelungisa, Nokubetha amanene ngenxa yokuthe tye.
27. Owanqandayo amazwi akhe unokwazi: Omoya upholileyo yindoda enengqondo.
28. Kwanesimathane, ukuba sihleli sathi tu, kuthiwa sisilumko; Singawuvingca umlomo waso, kuthiwa sinengqondo.

  Proverbs (17/31)