| ← Proverbs (16/31) → |
| 1. | Zezomntu izicwangciso zentliziyo; Ke yona impendulo yolwimi ivela kuYehova. |
| 2. | Zonke iindlela zendoda ziqaqambile kwawayo amehlo; Ke yena umlinganisi womoya nguYehova. |
| 3. | Qengqela kuYehova izenzo zakho, Zizimaseke iingcinga zakho. |
| 4. | Zonke izinto uYehova uzenzele intsingiselo yakhe, Kwanongendawo umenzele imini yobubi. |
| 5. | Balisikizi kuYehova bonke abantliziyo izidlayo; Kakade ke, ababi msulwa. |
| 6. | Ngenceba nenyaniso buyacanyagushelwa ubugwenxa; Ngokoyika uYehova umntu uyatyeka ebubini. |
| 7. | Ekukholisweni kukaYehova ziindlela zendoda, Uyixolelanisa neentshaba zayo nayo. |
| 8. | Ilungile intwana encinane enobulungisa, Ngaphezu kolungiselo oluninzi olukunye nokungesesikweni. |
| 9. | Intliziyo yomntu icinga indlela yakhe; NguYehova oyalela ukunyathela kwakhe. |
| 10. | Izihlabo zisemilebeni yomlomo wokumkani: Mawungamenezi esikweni umlomo wakhe. |
| 11. | Isilinganiso nesikali esisesikweni sesika Yehova; Asisenzo sakhe onke amatye asengxoweni. |
| 12. | Lisikizi kubo ookumkani ukwenza okungendawo, Kuba itrone izinziswa bubulungisa. |
| 13. | Ukumkani uyakholiswa ngumlomo wobulungisa; Othetha okuthe tye uyathandwa. |
| 14. | Ubushushu bokumkani buzizithunywa zokufa; Ke indoda elumkileyo iyamcamagusha. |
| 15. | Ekukhanyeni kobuso bokumkani bubomi; Okuthandwa nguye kunjengelifu lemvula yasekwindla. |
| 16. | Ukurhweba ubulumko kungakanani na ukulunga kwako, ngaphezu kwegolide embiweyo! Nokurhweba ingqondo kungakanani na ukunyuleka kwako, ngaphezu kwesilivere! |
| 17. | Umendo wabathe tye kukutyeka ebubini; Ulondoloza umphefumlo wakhe ogcina indlela yakhe. |
| 18. | Ikratshi likhokela intshabalalo; Ukuzidla kukhokela ukukhubeka. |
| 19. | Kulungile ukuba nomoya othobekileyo phakathi kwabalulamileyo, Ngaphezu kokwaba amaxhoba nabanekratshi. |
| 20. | Oliqiqayo ilizwi uya kufumana okulungileyo; Okholose ngoYehova, hayi, uyolo lwakhe! |
| 21. | Ontliziyo ilumkileyo kuthiwa unengqondo; Nobumnandi bomlomo bongeza imfundiso. |
| 22. | Lithende lobomi ingqiqo kumniniyo; Ke lona uqeqesho lwezimathane kukumatha kwazo. |
| 23. | Intliziyo yesilumko iyawuqiqisa umlomo waso, Yongeze imfundiso emilebeni yomlomo waso. |
| 24. | Linqatha lobusi amazwi amnandi, Ayincasa emphefumlweni, ayimpiliso emathanjeni. |
| 25. | Kukho indlela ethe tye phambi komntu, Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa. |
| 26. | Ukulamba komxelengi kuyamxelengela, Ngokuba umlomo wakhe uyamqhuba. |
| 27. | Umntu olitshijolo umba ububi: Emlonyeni wakhe ngathi ngumlilo otshisayo. |
| 28. | Indoda ephendukayo ingenisa ingxabano; Nentlebi yahlula amakholwane. |
| 29. | Indoda egonyamelayo ihenda ummelwane wayo, Imhambise ngendlela engalungileyo. |
| 30. | Ocima amehlo akhe, kukuba acinge impenduka; Oluma umlomo wakhe ugqibe ububi. |
| 31. | Isithsaba sokuhomba zizimvi, Sifunyanwa endleleni yobulungisa. |
| 32. | Ozeka kade umsindo ulunge ngaphezu kwegorha; Okulawulayo ukufutha kwakhe ulunge ngaphezu kothimba umzi. |
| 33. | Umntu uphosa iqashiso esondweni lengubo, Ke ukugqitywa kwalo konke kunoYehova. |
| ← Proverbs (16/31) → |