← Proverbs (13/31) → |
1. | Unyana osisilumko uva uqeqesho lukayise; Ke yena umgxeki akeva kukhalinyelwa. |
2. | Ngesiqhamo somlomo wayo indoda idla okulungileyo. Ke wona umnqweno wamanginingini kukugonyamela. |
3. | Obambe umlomo wakhe ugcine umphefumlo wakhe; Owuthe qheke umlomo wakhe, yintshabalalo kuye leyo. |
4. | Umphefumlo wevila uyanqwena, ungazuzi; Umphefumlo wabakhutheleyo uyatyetyiswa. |
5. | Ilungisa liyithiyile into ebubuxoki; Yena ongendawo uyanukisa, enze okuziintloni. |
6. | Ubulungisa bulondoloza ihambo egqibeleleyo; Okungendawo kuyamphenula umoni. |
7. | Kukho ozenza isityebi, engenayo nento; Kukho ozenza isisweli, enobuncwane obuninzi. |
8. | Ucamagusho lomphefumlo wendoda bubutyebi bayo; Isisweli asiva kusongelwa. |
9. | Isikhanyiso samalungisa siyavuya; Ke sona isibane sabangendawo siyacima. |
10. | Ngokukhukhumala kuvuka ukulwa kuphela; Ubulumko bunabavuma ukucetyiswa. |
11. | Ubuncwane basebubhedengwini buya kuncipha; Ke yena obutha ngezipha, uyandisa. |
12. | Ukulindela okubanjezelweyo kubulala intliziyo; Ungumthi wobomi umnqweno ofezekileyo. |
13. | Odela ilizwi ubanjwa lilo; Owojika umthetho uyavuzwa. |
14. | Umyalelo wesilumko lithende lobomi, Ukuze kumkiwe ezirhintyelweni zokufa. |
15. | Ingqiqo entle ibanga ubukholwane; Indlela yamanginingini inzima. |
16. | Bonke abanobuqili benza ngokwazi; Isinyabi siya kwaneka ukumatha. |
17. | Umthunywa ongendawo weyela ebubini; Isigidimi esinyanisileyo siyaphilisa. |
18. | Unobuhlwempu nocukucezo ophulukene noqeqesho; Osigcinileyo isohlwayo uyazukiswa. |
19. | Umnqweno ofeziweyo unencasa emphefumlweni; Kulisikizi kwisinyabi ukumka ebubini. |
20. | Ohamba nezilumko uba sisilumko naye; Ke olikholwane lesidenge uya konakaliswa. |
21. | Aboni basukelwa bububi; Ke wona amalungisa ayavuzwa kokulungileyo. |
22. | Olungileyo ushiya ilifa kubazukulwana bakhe; Ubutyebi bomoni buqwetyelwe ilungisa. |
23. | Umkhubelo wamahlwempu unokudla okuninzi; Kukho ophetshethwa kukungabi nabulungisa. |
24. | Oyiyekileyo intonga yakhe umthiyile unyana wakhe; Ke omthandayo umqeqesha esemncina ne. |
25. | Ilungisa lidla ukuba kuhluthe umphefumlo walo; Ke sona isisu sabangendawo siyalamba. |
← Proverbs (13/31) → |