Proverbs (11/31)  

1. Isikali esikhohlisayo singamasikizi kuYehova; Ilitye elizeleyo lilikholo kuye.
2. Kwafika ukukhukhumala, kofika ukucukucezwa; Bunabathozamileyo ubulumko.
3. Ingqibelelo yabathe tye iyabakhapha; Ukuphenula kwamanginingini kuyawabhuqa.
4. Abunyusi ubuncwane ngemini yokuphuphuma komsindo; Ubulungisa buyahlangula ekufeni.
5. Ubulungisa bogqibeleleyo bulungelelanisa indlela yakhe; Ongendawo uwa kwangokungendawo kwakhe.
6. Ubulungisa babathe tye buyabahlangula; Amanginingini athiwa hlasi kwayimbimbithelo yawo.
7. Ekufeni komntu ongendawo liyaphela ithemba lakhe; Ukulinda kwabanamandla obudoda kutshabalele.
8. Ilungisa liyahlangulwa embandezelweni, Kufike ongendawo esikhundleni salo.
9. Intshembenxa iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo; Ke ayahlangulwa amalungisa ngokwazi.
10. Isixeko siyadlamka ngokuhlala kakuhle kwamalungisa; Ekutshoneni kwabangendawo kuyamemelelwa.
11. Ngentsikelelo yabathe tye siyaphaka nyiswa isixeko; Ngomlomo wabangendawo siyahleleleka.
12. Odela ummelwane wakhe uswele intliziyo: Ke indoda enengqondo ihlala ithi tu.
13. Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo; Ke yena omoya unyanisileyo uyayigubungela into.
14. Kwakuba kungekho mbonisi, bayawa abantu; Usindiso lusebuninzini bamaphakathi.
15. Kubi kakhulu komele omnye; Ke yena okuthiyayo ukumela omnye ukholosile.
16. Umfazi osimilo silungileyo uzizekela uzuko; Abanobungqwangangqwili bazizekela ubutyebi.
17. Uwuphethe kakuhle umphefumlo wakhe umtu onenceba; Isijorha siyihlisele ishwangusha inyama yaso.
18. Ongendawo usebenzela umvuzo oyinkohliso; Ke yena ohlwayela ubulungisa unomvuzo oyinyaniso.
19. Ubulungisa obububo busingisa ebomini; Ophuthuma ububi usingisa ekuzibulaleni kwakhe.
20. Ngamasikizi kuYehova abantliziyo zijibilizayo; Ukholwa ngabo bandlela zigqibeleleyo.
21. Ukakade onobubi akabi msulwa; Ke yona imbewu yamalungisa iyasinda.
22. Likhonkco legolide ethatheni lehagu Inzwakazi eswele izimvo.
23. Umnqweno wamalungisa yinto elungileyo yodwa; Ithemba labangendawo kukuphuphuma nje komsindo.
24. Kukho ohlakazayo, aye esanda ngokwanda; Kukho nozinqandayo kokumfaneleyo, oko kube yintswelo yodwa.
25. Umphefumlo osikelelayo uyatyetyiswa; Oseza ahluthise abanye, uyasezwa ahluthe naye.
26. Omangala nengqolowa, luyamqalekisa uluntu; Intsikelelo isentlokweni yothengisa ngayo.
27. Ozondelele okulungileyo ufuna okwamkelekileyo; Ongxamele ububi, buya kumfikela.
28. Okholosa ngobutyebi bakhe uya kuwa yena; Ke amalungisa aya kuhluma njengamagqabi.
29. Ogxugxisa indlu yakhe uya kudla ilifa elingumoya; Isimathane soba ngumkhonzi kontliziyo ilumkileyo.
30. Isiqhamo selungisa ngumthi wobomi; Umbambisi wemiphefumlo sisilumko.
31. Yabona, ilungisa liyavuzwa ehlabathini; Wobeka phi na ke ongendawo nomoni!

  Proverbs (11/31)