| ← Proverbs (10/31) → | 
| 1. | Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise; Ke unyana osisiyatha usisingqala sonina. | 
| 2. | Ubuncwane bokungendawo abunyusi; Ke bona ubulungisa buhlangula ekufeni. | 
| 3. | UYehova akawuyeki ulambe umphefumlo welungisa; Ke imbimbithelo yabangendawo uyayisunduza. | 
| 4. | Uba lihlwempu osebenza ngesandla esidangeleyo; Ke sona isandla sabakhutheleyo siyatyebisa. | 
| 5. | Obutha ehlotyeni ngunyana onengqiqo; Owozela ngexa lokuvuna ngunyana odanisayo. | 
| 6. | Ziintsikelelo entlokweni yelungisa; Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo. | 
| 7. | Ukukhunjulwa kwelungisa kuhleli kunentsikelelo; Igama labangendawo liba livithi. | 
| 8. | Ontliziyo ilumkileyo uyayamkela imithetho; Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi. | 
| 9. | Ohamba ngengqibelelo uhamba ngenkoloseko; Ke yena ojibilizayo ngeendlela zakhe uyaziwa. | 
| 10. | Otyanda ngoshiyi ubanga imbulaleko; Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi. | 
| 11. | Lithende lobomi umlomo welungisa; Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo. | 
| 12. | Intiyo ixhokonxa ingxabano; Uthando lugubungela zonke izono. | 
| 13. | Ubulumko bufumaneka emlonyeni wonengqondo; Intonga yeyomhlana woswele intliziyo. | 
| 14. | Izilumko ziya kuqhusheka ukwazi, Ke wona umlomo wesimathane yintshabalalo ekwalapha ukusondela. | 
| 15. | Ubuncwane besityebi ngumzi waso oliqele; Iintshabalalo yabasweleyo bubuhlwempu babo. | 
| 16. | Umvuzo welungisa usingisa ebomini; Ungeniselo longendawo lusingisa esonweni. | 
| 17. | Umendo osa ebomini kukugcina uqeqesho: Olahla isohlwayo uyandwendwa. | 
| 18. | Oyifihlayo intiyo ungumlomo wexoki; Ohambisa intlebendwane usisidenge. | 
| 19. | Ebuninzini bamazwi akusweleki sono; Owubambayo umlomo wakhe unengqiqo. | 
| 20. | Yisilivere enyuliweyo ulwimi lwelungisa; Intliziyo yabangendawo yintwana engeyakonto. | 
| 21. | Umlomo welungisa udlisa abaninzi; Izimathane zifa ngokuswela intliziyo. | 
| 22. | Intsikelelo kaYehova, yiyo etyebisayo, Imbulaleko ayongezi nento kuyo. | 
| 23. | Ukwenza amanyala kunjengokudlala kwisidenge; Ubulumko bunjengokudlala, kwindoda enengqondo. | 
| 24. | Into anxunguphala yiyo ongendawo, yiyo emfikelayo; Akunqwenelayo amalungisa aya kunikwa. | 
| 25. | Kwakugqitha isaqhwithi, akabikho ongendawo; Ke lona ilungisa luseko lwaphakade. | 
| 26. | Njengeviniga emazinyweni, njengomsi emehlweni, Linjalo ivila kwabalithumayo. | 
| 27. | Ukoyika uYehova kongeza imihla; Ke yona iminyaka yabangendawo iyanqanyulwa. | 
| 28. | Ukulinda kwamalungisa luvuyo; Ithemba labangendawo liyadaka. | 
| 29. | Iyinqaba yabagqibeleleyo indlela kaYehova; Yintshabalalo kubasebenzi bobutshinga. | 
| 30. | Ilungisa alishukunyiswa naphakade; Ke bona abangendawo abalihlali ilizwe. | 
| 31. | Umlomo welungisa umila ubulumko; Ulwimi lwempenduka luyanqanyulwa. | 
| 32. | Imilebe yomlomo welungisa iyakwazi okwamkelekileyo; Umlomo wabangendawo uyimpenduka. | 
| ← Proverbs (10/31) → |