| Proverbs (1/31) → |
| 1. | Imizekeliso kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wamaSirayeli, Yokuba kwaziwe ubulumko noqeqesho; |
| 2. | Yokuba kuqondwe iintetho zengqondo; |
| 3. | Yokuba kwamkelwe uqeqesho lwengqiqo, Ubulungisa, nesiko, nokuthe tye; |
| 4. | Yokuba izidenge zinikwe ubuqili, Ulutsha lunikwe ukwazi nokunkqangiyela; |
| 5. | Ukuze eve osisilumko, aqokele afunde, Oqondayo azuze amacebo obulumko; |
| 6. | Yokuba kuqondwe umzekeliso nezafobe zokuthetha, Amazwi ezilumko nezintsonkotha zazo. |
| 7. | Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi; Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile. |
| 8. | Nyana wam, yiva uqeqesho lukayihlo, Ungawulahli umyalo kanyoko. |
| 9. | Kuba ezo zinto zisisangqawe esihle entlokweni yakho, Nezambalo emqaleni wakho. |
| 10. | Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda, Uze ungavumi ke. |
| 11. | Ukuba bathe, Hamba nathi, Masilalele igazi, Masibalalele abamsulwa bengenatyala; |
| 12. | Masibaginye njengelabafileyo behleli, Begqibelele, njengabehla baye emhadini; |
| 13. | Sofumana ubuncwane obunqabileyo, Sozizalisa izindlu zethu ngamaxhoba; |
| 14. | Wena ke woliphosa phakathi kwethu iqashiso lakho, Yoba nye ingxowa yethu sonke: |
| 15. | Nyana wam, musa ukuhamba ngendlela nabo; Lunqande unyawo lwakho emendweni wabo. |
| 16. | Kuba iinyawo zabo zigidimela ububi, Zikhawulezela ukuphalaza igazi; |
| 17. | Kuba ufumana usanekwa umnatha Emehlweni eentaka ezi zonke; |
| 18. | Ke bona balalela elabo igazi, Bazonda owabo umphefumlo. |
| 19. | Unjalo umendo wabo bonke abangxamele inzuzo embi; Imka nomphefumlo womniniyo. |
| 20. | Ubulumko bumemeza ngaphandle, Buvakalisa izwi labo ezitratweni. |
| 21. | Bumemeza emantloko eendawo zembutho; Ekungeneni kwamasango, Phakathi komzi, buthetha iintetho zabo, busithi: |
| 22. | Kunini na, ziyathandini, nithanda ubuyatha, Abagxeki befuna ukugxeka, Izinyabi zithiya ukwazi? |
| 23. | Nithe nabuyela ekohlwayeni kwam, Niyabona, ndowumpompozisela kuni umoya wam, Ndonazisa amazwi am. |
| 24. | Ngokokuba ndinibizile, anavuma, Ndolule isandla sam, akwabakho ukhathalayo; |
| 25. | Nesuka naliyeka necebo lam lonke, Anavuma ndakunohlwaya. |
| 26. | Nam ke ndonihleka ekusindekeni kwenu; Ndogculela ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu; |
| 27. | Ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu njengesithonga, Ekuzeni kokusindeka kwenu njengesaqhwithi, Ekufikelweni kwenu yimbandezelo nenkcutheko. |
| 28. | Baya kwandula bandibize, ndingaphenduli, Bandifune kwakusasa, bangandifumani; |
| 29. | Ngethuba lokuba bakuthiyile ukwazi, Abakunyula ukoyika uYehova; |
| 30. | Abalivuma icebo lam, Basigiba sonke isohlwayo sam: |
| 31. | Baya kudla ke isiqhamo sendlela yabo, Bahluthe ngamacebo abo. |
| 32. | Kuba ukuphamba kweziyatha kuyazi bulala, Nobunqobo bezinyabi buyazitshabala lisa. |
| 33. | Ke yena ondivayo uhleli ekholosile, Wonwabile ekunkwantyiseni kobubi. |
| Proverbs (1/31) → |